1. Njengoko kwakucacisiwe kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loPhuhliso lweKharityhulam 0008/2006, ukuba abafundi eNtshona Koloni bafundiswa ukusebenzisa iikhompyutha nezinye izixhobo zokufunda ezisebenza ngekhompyutha (digital resources) njengenxalenye yemfundo yabo namalungiselelo abo okuba balungele iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate). Abafundi abenza ezi zifundo Computer Applications Technology and Information Technology sele bezisebenzisa iikhompyutha. Abafundi abenza ezi zifundo zilandelayo baya kunyanzeleka ukuba bagqibezele amacandelo ekharityhulam yabo kwikhompyutha ukususela ngo-2007: Accounting, Civil Technology, Design, Electrical Technology, Engineering Graphics and Design, Geography, Life Orientation, Mechanical Technology, Tourism and Visual Arts. Usetyenziso lwezixhobo zokufunda ezisebenza ngekhompyutha (digital resources) kuba yinzuzo enkulu nakwezinye izifundo.
2. Ikopi yesiNgesi ye-Guidelines for ICT Integration with NCS Subjects in Grades 10-12 iya kuthunyelwa ezikolweni ngaphandle kwentlawulo ukuze incede ekufakweni kwee-ICT ekufundiseni nasekufundeni. Izihloko zibandakanya usetyenziso oluqhelekileyo lwee-ICT kuzo zonke izifundo zeFET; usetyenziso lwee-ICT kwisifundo esithile ngasinye; i-software yezemfundo nokuba ingaphononongwa njani; usetyenziso lwe-Intanethi (Internet) kwisifundo ngasinye; nezixhobo zokufunda ezisebenza ngekhompyutha (digital resources) ezibonelelwa liSebe lemfundo leNtshona Koloni (WCED). Luza kuba nako ukukotshwa olu xwebhu ngekhompyutha kwiziko lewebhu lezixhobo zokufunda ezisebenza ngekhompyutha (Digital Resources website) kule dilesi: http://curriculum.wcape.school.za/site/113 xa eli ziko sele livuleleke kuluntu ngenyanga kaMatshi.
3. Izikolo zinga-odola ikopi yeGuidelines yesi-Afrikansi ngaphandle kwentlawulo ngokuzalisa ifom yoku-odola ehamba kunye neGuidelines zize ziyifeksele kwa-Edumedia.
4. Kwakhona zinako izikolo uku-odola iikopi ezizezinye zesiNgesi okanye zesi-Afrikansi kwa-Edumedia ngeendleko ezichazwe kwifom yoku-odola.
5. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo, nanga amagosa ekharityhulam asingethe uxanduva l okufakwa kwee-ICT kwi-FET, Nks A Lowenherz ofumaneka apha ngefoni (021 467 2621, nge-imeyili mailto:alowen@pgwc.gov.za) kunye noNks A Basha ofumaneka apha ngefoni (021 467 2569, nge-imeyili anbasha@pgwc.gov.za).
6. Nceda uqinisekise ukuba bonke ootitshala bayazifunda ezi zikhokelo (Guidelines).


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:03:09

Guidelines for ICT Integration with NCS Subjects in Grades 10-12  ("pdf" ubukhulu: 282 KB)
Also available as an MS Word document (compressed in a "zip" file):
Guidelines for ICT Integration with NCS Subjects in Grades 10-12  ("zip" ubukhulu: 214 KB)