1. ULwazi ngezoBomi, sisifundo kwicandelo leFET ekufuneka ukuba bonke abafundi abakumaBakala 10-12 basifunde, sineenkalo ezine esigxile kuzo: UkuPhila Qete koMntu (Personal Well-being), iMfundo ngezoBumi (Citizenship Education), ezokuChitha isiThukuthezi (Recreation) kunye nokuThamba (Physical Activity), amaKhondo eMisebenzi nokuKhetha amaKhondo omSebenzi (Career and Career Choices).
2. Iikhosi zoqeqesho kwiinkalo ekugxilwe kuzo zeCareers and Career Choices ziya kwenziwa ukususela nge-6 – 8 Apreli 2006, nanjengoko kubonisiwe kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loPhuhliso lweKwharityhulam: 0074/2005.
2.1 I-PACE: Advise and Refer course, eyikhosi evunyiweyo (accredited course) kwiNqanaba 5 leNQF, ijolise ekuqeqesheni ootitshala ukunceda abafundi bakwazi ukwenza izigqibo ezizizo benolwazi ngezifundo nokhetho lwamakhondo omsebenzi ngokukuko.
2.2 Iingcaciso-ntetho (presentations) ziya kufumaneka zingamaxwebhu abhaliweyo nakwiikhompyutha. Abathathi-nxaxheba baya kunikwa iikhredithi ezintandathu ngokugqiba iphothifoliyo kwaye kuya kufuneka bagqibe ezinye ii-asayinimenti zeephothifoliyo zabo eziya kulandela (follow-up assignments), ukuba ngaba sele bayenza bayigqiba ikhosi yokuqala yePACE: World of Work.
3. Ootitshala ababini kwisikolo ngasinye banokuya kumjikelo wesibini woqeqesho kwiPACE: Advise and Refer. Nceda ufunde iSihlomelo B ngokubhekiselele kwiindawo ekuya kuqhubekela kuzo uqeqesho. Le khosi iya kuqala ngqo ngo-8:30 iphele ngo-16:00 ngazo zontathu iintsuku zoqeqesho. Ootitshala ababhalisela le khosi baya kucelwa ukuba baye kuzo zonke zontathu ezi ntsuku.
4. Ootitshala baya kubuyiselwa iindleko zohambo yaye abo baza kwenza izicelo zamabango ngenxa yezi ndleko mababe nezi nkcukacha zilandelayo ngomhla wekhosi:
  • inombolo ye-PESALI

  • umthamo wenjini yesithuthi

  • unyaka esenziwa ngawo isithuthi

  • umgama ngeekhilomitha ukusuka esikolweni ukuya kwindawo yoqeqesho.

5. Ootitshala abasuka kwii-EMDC ezisemaphandleni abafuna indawo yokuhlala mabazenzele awabo amalungiselelo. Kucetyiswa ukuba basebenzise iindawo ezibonelela ngendawo yokulala nesidlo sakusa (bed and breakfast accommodation). Aba titshala mabawangenise amabango abo endawo yokulala phambi kokugoduka ngosuku lokugqibela lwekhosi.
6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede zibuyise ifom yobhaliso ezaliswe zonke iinkcukacha, neqhotyoshelwe njengeSihlomelo A, kumcebisi wekharityhulam wesifundo soLwazi ngezoBomi (Life Orientation curriculum adviser) okwi-EMDC yaloo ndawo yazo phambi komhla we-10 Matshi 2006. Nceda ufunde iSihlomelo C ngokubhekiselele kwiinkcukacha zoqhagamshelwano.
7. Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba ukuya kwezi khosi kungathathelwa ingqalelo xa kuzaliswa iifom ze-IQMS zootitshala.
8. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, qhagamshelana noNks D. Christiaans, uMcwangcisi oMkhulu weKharityhulam (FET), ngale foni 021 467 2589 okanye nge-imeyili kule dilesi dchristi@pgwc.gov.za
9. Ziyacelwa iinqununu zezikolo eziphakamileyo ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane ootitshala bazo besifundo soLwazi ngezoBomi (Life Orientation teachers) ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:02:28

Isihlomelo A  (ubukhulu: 5 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 8 KB)
Isihlomelo C  (ubukhulu: 5 KB)