1. Ikharityhulam entsha kazwelonke ikhuthaza abafundi ukuba basebenzise imithombo yolwazi eziindidi ngeendidi, ebandakanya iindaba ngezinto eziqhubekayo. Le ngcaciso imfutshane yenzelwe ukutsala umdla wezikolo kwimfunalwazi yolwazi jikelele (quiz) eqhutywa bucala.
2. I-World Knowledge Olympiad iya kuqhubeka nge-16 Meyi 2006. Injongo yale Olimpiyadi kukuvavanya ulwazi jikelele lwabafundi bezikolo zaseprayimari neziphakamileyo kumaBakala 6 ukuya ku-12, nokubakhuthaza ukuba bandise ulwazi lwabo. Phantse isinye kwisithathu semibuzo sivela kumaphephandaba aqhelekileyo nafundwa luninzi lwabantu.
3. Kukho intlawulo yokungena eyi-R15 kumfundi ngamnye ukuya kubafundi abali-15 kunye ne-R10 kumfundi ngamnye ukususela kumfundi we-16 nangaphezu koko. Umhla wokuvala yi-14 Apreli 2006. Iifom zokungenela ziyafumaneka kule dilesi: WORLD KNOWLEDGE OLYMPIAD P. O. Box 13484, NOORSTAD, 9302 okanye kule imeyili: nico@bigfivegame.co.za. Kukho amabhaso amaxabiso anda ngokwamabakala ukususela kwindawo yokuqala, eyesibini, neyesithathu. Amabhaso aqala kwi-R1400 ukuya kwi-R2600.
4. Ziyacelwa iinqununu ukuba zilithathele ingqalelo eli thuba lokukhuthaza umdla wabafundi kwihlabathi elibangqongileyo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:04:04