1. Indlela yokuqhelwaniswa nezifundo kootitshala kulo ka-2006 ilungisiwe ngokuthi kujongisiswe indlela ebisetyenziswa ngo-2005 yaza yalungiswa ngokususela kuyo nakwinkqubo yongenelelo ngoncedo lokuqeqesha ootitshala namagosa.
2. Inkqubo yephondo yokuqhelwaniswa nezifundo kootitshala
2.1 Ukuqhelwaniswa nezifundo kootitshala kwizifundo eziphambili (jonga isiHlomelo A) kuya kuqhutywa ngokuthi kulungiselelwe yi-EMDC. Ngako oko ke kufuneka ootitshala babhalisele ukuqhelwaniswa nezifundo kwi-EMDC izikolo zabo eziphantsi kwayo, ingeyiyo leyo ikufutshane kwiindawo abahlala kuzo.
2.1.1 Ii-EMDC ziya kwazisa ootitshala ngeendawo apho ukuqhelwaniswa nezifundo kuya kuqhutyelwa khona kwaye ziya kuthwala uxanduva lokuhlawulela zonke iindleko zehambo, yaye apho kufanelekileyo, neendleko zendawo yokuhlala zabo bathatha inxaxheba. Ootitshala abafanele kunikwa inkxaso-mali yemihla ngemihla (daily subsistence allowance).
2.1.2 Apho ootitshala kunokufuneka ukuba bahlalele ezo zifundo zidweliswe kwisiHlomelo A, i-EMDC yasemaphandleni echaphazelekayo iya kwazisa abo titshala ngamalungiselelo endawo yokuhlala.
2.2 Ukuqhelwaniswa nezifundo kwizifundo ezincinane (jonga isiHlomelo B) kuya kuqhutywa ngokuthi kukhethwe indawo esembindini zize zibe ndawonye, kuze kulawulwe liCandelo loPhuhliso lweKharityhulam kwaNdlunkulu. Kufuneka ootitshala abafundisa ezi zifundo babhalise kwaNdlunkulu, noya kulawula iprogram yokuqhelwaniswa nezi zifundo.
2.2.1 Icandelo loPhuhliso lweKharityhulam liya kwazisa abo titshala baya kuthatha inxaxheba kwiprogram yokuqhelwaniswa nezifundo ezincinane kwezi ndawo ziza kusetyenziswa. Aba masifundisane baya kuqhubekela eKapa nakwingingqi ezingqongileyo.
2.2.2 Ootitshala abeze koomasifundisane abaqhutywa ndawonye luxanduva lwabo iindleko zehambo namalungiselelo endawo yokuhlala. Amabango eendleko zehambo nezendawo yokuhlala ezenziweyo mazifakwe kwi-EMDC yezikolo ootitshala abachaphazelekayo abawela phantsi kwayo.
2.3 Makuqatshelwe ukuba ixesha elimisiweyo neeprogram zezifundo liya kufana kulo lonke iSebe leMfundo leNtshona Koloni.
2.4 Iprogram yephondo, eza kuphindwa kwi-EMDC, yenziwe ngohlobo lokuba ivumele uninzi lootitshala abafundisa izifundo ezibini beze kolu qhelwaniso nezifundo zozibini. Umzekelo, i-Mathematika iya kwenziwa kwiveki yokuqala, ukuze ibe luLwazi lweMathematika kwiveki yesibini. Lo mgaqo mnye usetyenziswa nakwezinye izifundo apho kuye kwaqatshelwa ukuba kungenzeka ukudityaniswa kwezifundo.
2.5 Iinqununu maziqaphele ukuba akuyi kubakho ziseshoni zokuqhelwaniswa kootitshala nezifundo zizezinye kweli phondo kulo nyaka wonke. Apho ootitshala bafundisa izifundo ezibini, mabakhuthazwe ke ngoko ukuba beze kwaba masifundisane bobabini.
2.6 Ootitshala abafundisa ezi zifundo zidweliswe kwisiHlomelo B, mabancede bazalise ifom yobhaliso eqhotyoshelweyo (isiHlomelo C) ngokupheleleyo baze bayibuyisele ungagqithanga umhla we-24 Matshi 2006 kuMnu F. Lewis kule dilesi ye-imeyili: flewis@pgwc.gov.za, okanye bayifeksele apha 021 467 2258. Nazi iinombolo zefoni: 021 467 2504 okanye 467 2585.
2.7 Ootitshala abangabhalisanga baya kuthi, ngenxa yamalungiselelo ekufuneka enziwe, bangavunyelwa ukuba beze koomasifundisane.
3. Iprogram kazwelonke yoqeqesho: ukufundiswa ngakumbi kwemixholo yezifundo
3.1 ISebe leMfundo likazwelonke liqeshe abantu bangaphandle bamaziko emfundo aphakamileyo ukuba benze uqeqesho kwimixholo yengcaciso yezifundo kwezo zifundo zidweliswe kwisiHlomelo B.
3.2 Amalungiselelo okwenziwa kolu qeqesho ayagqityezelwa neSebe leMfundo likazwelonke. Izikolo ziya kwaziswa ngokumalunga noku.
4. Uphuhliso lwabasebenzi abaqeqeshiweyo be- MST
4.1 Ootitshala beMathematika beBanga le-10 ukuya kwele-12, abakwizikolo zeDinaledi ezingama-40 nezikolo ekugxilwe kuzo ezili-10, baya kuqeqeshwa ngokwahlukeneyo ngu- AIMSSEC.
4.2 Olu qeqesho luya kubakho ukusukela ngomhla wama-23 Juni ukuya kumhla we- 15 Julayi 2006 kwisikolo samaBanga aPhakamileyo saseStellenbosch. Kuya kubakho iiseshoni ezimbini. Iqela lokuqala lootitshala liya kuqeqeshwa ukusukela ngomhla wama-23 Juni ukuya kumhla we-4 Julayi 2006, Iize iqela lesibini lona liqeqeshwe ukusukela ngomhla wesi-5 ukuya kumhla we-15 Julayi 2006.
4.3 Ootitshala ababini kwisikolo ngasinye ngabo abaya kuthatha inxaxheba kolu qeqesho, kwaye ayizi kubakho imfuneko yokuba babhalisele olu qhelwaniso nezifundo lwephondo kwii-EMDC zabo (jonga isiHlomelo A).
4.4 Imbalelwano eyahlukileyo iya kuthunyelwa ezikolweni ezichaphazelekayo ukunika ingcaciso kunye neefom zobhaliso zolu qeqesho.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:03:10

Isihlomelo A  (ubukhulu: 8 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 9 KB)
Isihlomelo C  (ubukhulu: 35 KB)