1. Ngo-1999 iseshoni yama-30 yenkomfa jikelele ye-UNESCO yamkela isigqibo sokubhiyozela “uLwimi lweNkobe” okanye “uLwimi lwaseKhaya” qho ngonyaka nge-21 Februwari. Olu suku lubonwa njengosuku lokunika ingqwalaselo, kwihlabathi jikelele, kwinto yokuba abo bafundiswa ngolwimi lwenkobe banethuba elibhetele lokuphumelela kwizifundo zabo kunabo kuye kufuneke batshintshele kolunye ulwimi besebancinane kakhulu.
2. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zizenzele amalungiselelo azo kunye neengxoxo-mpikiswano ukulungiselela umhla we-21 Februwari 2006. Ukujolisa ingqwalaselo kolu suku kufaneleke ngokukodwa ngenxa yezicwangciso ezikhoyo ngoku zeSebe leMfundo leNtshona Koloni zokukhuthaza ukufundisa ngolwimi lwenkobe kweli phondo.
2.1 Kufakwe kwiSihlomelo A iindidi zemisebenzi ecetyiswa ukuba engenziwa.
2.2 Kubaluleke kakhulu ukuba izikolo zicinge nzulu ngale miba ukuze olu suku ibe lusuku lokukhuthaza ngenene bonke abathetha iilwimi ezahlukileyo kuLwimi lokuFunda nokuFundisa esikolweni.
3. Ukuba ufuna ukufunda ngakumbi yiya kweli ziko lewebhu leCandelo loPhuhliso lweKharityhulam http://curriculum.wcape.school.za ikhasi lewebhu lesiNgesi, lesiXhosa nelesi-Afrikansi ukufumana uluhlu lwezihloko ezinikwe ngu-EDULIS. Kungenjalo, qhagamshelana naba balandelayo:
WCED EDULIS Library:
15 Kruskal Avenue, Bellville, 7530, 
iFoni 021 957 9618
iFeksi 021 948 0748
E-mail: edulis@pgwc.gov.za
EMDC Metropole South:
Brian O’Connell Resource Centre, 
Mitchell’s Plain
iFoni 021 370 2084
EMDC West Coast & Winelands 
Resource Centre, Paarl
iFoni 021 860 1229 
EMDC South Cape & Karoo 
Resource Centre, George
iFoni 044 803 8328 
EMDC Breede River & Overberg 
Resource Centre, Worcester
iFoni 023 348 4657
4. ISebe leNkcubeko nezeMidlalo ligunyaziswe ukuba libeke esweni umgaqo-nkqubo wolwimi nophuhliso kwiphondo nakuzwelonke. IKomiti yeeLwimi yaseNtshona Koloni ifikelele kwisigqibo sokuqalisa iphulo lokwandisa ulwazi ngeemfuno zoluntu olungevayo kunye nokusetyenziswa koLwimi lweMiqondiso (Sign Language) kwiSihlomelo B. Linovuyo ukukhupha incwadana (efakwe apha) esihloko sithi Yazi lukhulu ngendlela yoLwimi lokuThetha ngeZandla  (Learn more about Sign Language),  kwakunye nephetshana elineeleta ze-alfabhethi ngoLwimi lweMiqondiso kunye nesaziso esifutshane kwiSihlomelo C.
4.1 Le komiti yenze la manqakwana alandelayo:

“Ukunqongophala kolwazi kubemi baseNtshona Koloni ngokumalunga noLwimi lweMiqondiso kubangele ukunganqondwa kwabantu abangevayo. ULwimi lweMiqondiso lunezakhiwo zegrama ezinesintaksi eyeyalo neyanelisa yonke imigaqo yokuba lulwimi oluzimeleyo.”

4.2 Abo banomdla wokufunda uLwimi lweMiqondiso okanye abafuna ukuba ziiToliki zoLwimi lweMiqondiso bafanele ukuba baqhagamshelane ne-Deaf Federation Western Cape ukufumana enye ingcaciso apha 021 683 4665, okanye ne-Deaf Community.
4.3 Ukufumana enye ingcaciso ngemisebenzi yeKomiti yeeLwimi zaseNtshona Koloni yokukhuthaza uLwimi lweMiqondiso eNtshona Koloni, izikolo zinako kwakhona ukuqhagamshelana noLouis Nel kwi-Western Cape Language Unit apha 021 483 9681 okanye zithumele i-imeyili ku lnel@pgwc.gov.za.
5. Nceda wazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:02:07

Isihlomelo A  (ubukhulu: 10 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 6 KB)
Isihlomelo C  (ubukhulu: 15 KB)