1. ISebe leMfundo kuzwelonke kunye namasebe emfundo kumaphondo olithoba aza kuququzelela umnyhadala wokhuphiswano lomculo i-South African Schools’ Choral Eisteddfod kwizikolo eziziprayimari nezizisekondari ngo-2006.
2. Loo mnyhadala wokhuphiswano lomculo ulungiselela imvumi ezicula ngazodwa (soloists), ezicula zingamaqela (ensembles) neekwayara zezikolo kula macandelo alandelayo:
(a) IsiGaba seSiseko
(b) IsiGaba esiPhakathi
(c) IsiGaba esiPhezulu
(d) IsiGaba se-FET
3. Umculo ulungiselelwe onke amacandelo. Iikwayara ezinganqweneli kuthatha nxaxheba kwezi zintlu zomculo zimiselweyo, zingacula amaculo azo ezizikhethele wona ngokwazo.
4. Imijikelo yokukhetha izikolo ezigqwesileyo kwii-EMDC iya kubanjwa ngo-Apreli nangoMeyi. Iikwayara ezigqwesileyo kwanabo bacula ngabodwa (soloists) abagqwesileyo baya kucelwa ukuba bathathe inxaxheba kumjikelo wokugqibela kwiphondo, noya kubanjelwa eKapa ukususela nge-12 ukuya kwi-14 Meyi 2006.
5. Iikwayara ezizintshatsheli nabacula ngabodwa abaziintshatsheli kwiphondo ngalinye, baya kuya kumela amaphondo abo kumjikelo wokugqibela kazwelonke eRhawutini ngeeholide zikaJuni.
6 Zonke izikolo ziyamenywa ukuba zithathe inxaxheba kolu khuphiswano lwe-eisteddfod. Imigaqo yokuthatha inxaxheba nomculo omiselweyo iyafumaneka kuMcebisi ngezeKharityhulam (wezobuGcisa neNkcubeko) okwi-EMDC yakho. (Funda olu luhlu lulandelayo.)
Metropole Central
Mr J. Cowan
Private Bag X4
ATHLONE
7760
Ifoni: 021 659 4300
Ifeksi: 021 659 4413
Metropole East
Ms A. Joubert
Ms B. Pretorius
Private Bag X23
Kuils River
7579
Ifoni: 021 900 7000
Ifeksi: 021 903 2149
Metropole North
Mr K Tabisher
Private Bag X45
PAROW
7500
Ifoni: 021 938 3000
Ifeksi: 021 938 3183
Metropole South
Ms I. Bruce
Private Bag X2
MITCHELL'S PLAIN
7789
Ifoni: 021 370 2000
Ifeksi: 021 372 1856
West Coast & Winelands
Mr L du Preez
Private Bag X3026
PAARL
7620
Ifoni: 021 860 1200
Ifeksi: 021 860 1231
Breede River & Overberg
Ms C. Ross
Private Bag X3102
WORCESTER
6850
Ifoni: 023 348 4600
Ifeksi: 023 342 4138
South Cape & Karoo
Mr J Theodore
Private Bag X1294
OUDTSHOORN
6620
Ifoni: 044 279 1681
Ifeksi: 044 279 1682
 
7. Iifom zokungenela ukhuphiswano ezizaliswe zonke iinkcukacha mazifike kuMcebisi ngezeKharityhulam ochaphazelekayo ungagqithanga umhla we-28 Februwari 2006.
8. Nceda wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ababhexeshi/abalawuli beekwayara bazo zonke izikolo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:01:31