1. Ukuqaliswa kwekharityhulam entsha ngumngeni omkhulu, kodwa kukwayinto entle ukuzikisa ucinge ngendlela owenza ngayo umsebenzi uze indlela oqhuba ngayo uyilawule ngandlela zonke ibe yeyakho. Iikhosi zoqeqesho lokuqhelanisa ootitshala bamaBakala 8 - 9 ngoJulayi nangoSeptemba 2006 zizisa elinye ithuba lokuphucula umgangatho wemfundo, ngokuthi kugxininiswe uvavanyo, ucwangiso kwaneendlela zokufundisa nezinto ezifunekayo eklasini.
2. Njengoko kuchaziwe kwiSetyhula 0066/2005, uMgaqo-nkqubo weNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement) amaBakala R - 9 (Izikolo) uya kuqaliswa kumaBakala 8 - 9 ngo-2007.
3. Iikhosi ezimbini zoqeqesho lokuqhelanisa ootitshala ziya kwenziwa kwinkalo yesifundo nganye, enye ngoJulayi ukuze enye ibe ngoSeptemba.
3.1 Ikhosi yeentsuku ezi-5 yoqeqesho lokuqhelanisa ootitshala kwinkalo yesifundo nganye kwezisibhozo iya kwenzelwa bonke ootitshala bamaBakala 8 - 9 kwiinkalo zofunda eziphambili abazifundisayo ukususela kwi-10 ukuya kwi-14 Julayi 2006.
3.2 Ikhosi yeentsuku ezi-4 yoqeqesho lokuqhelanisa ootitshala kwinkalo yesifundo nganye kwezisibhozo iya kwenzelwa abo titshala bafundisa inkalo yesifundo yesibini ukususela kwi-26 ukuya kwi-29 Septemba 2006.
3.2.1 Ikhosi yeentsuku ezi-4 ekuphindwa kuyo ikhosi kaJulayi, kodwa lungaphindwa uSuku loku-1.
3.2.2 Le khosi iya kwenza ootitshala abafundisa ngaphezu kwenkalo yesifundo enye, bakwazi ukuya kwikhosi yesibini kwinkalo yesifundo abayifundisayo.
4. Ziyacelwa iinqununu ukuba zibhalise bonke ootitshala bamaBakala 8 - 9 ukulungiselela uqeqesho lukaJulayi, noSeptemba apho kuyimfuneko, ungadlulanga umhla wama-24 Februwari 2006 ngokuzalisa le fom iqhotyoshelweyo, zize ziyithumele ngefeksi okanye nge-imeyili kwii-EMDC zazo. Xa kuthunyelwa le fom nge-imeyili, ziyacelwa iinqununu ukuba zisebenzise oku kulandelayo kumgca wesihloko (subject line) kwiHlomelo A: IBakala 8 & 9.
5. Mazincede iinqununu ziqaphele ukuba ootitshala abaqeshwe ngamabhunga olawulo ezikolo bavumelekile ukuba beze kwezi khosi zoqeqesho, kodwa abanako ukwenza amabango entlawulo yeendleko zehambo.
6. Akuvumelekanga konke konke ukuba ootitshala barhoxe ukuza kwikhosi kaJulayi, njengoko isikolo siya kuthwala ityala lokuba sihlawule iindleko eziphepheleyo ekungenwe kuzo kwimeko apho bathe ootitshala ababhalisileyo abaphumelela ukuza ekhosini.
7. Ziya kwaziswa iinqununu ngeendawo zeekhosi phambi kokuphela kwekota yokuqala.
8. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:02:10

Isihlomelo A  (ubukhulu: 24 KB)