1. Ukubonelelwa ngezithuba zabancedisi bootitshala abangama-500 kuyinxalenye yeSicwangciso soNgenelelo ngoNcedo kuLwazi lokuFunda nokuBhala kunye nolokuBala seSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED’s Literacy and Numeracy and Intervention Strategy) esenzelwa isiGaba seSiseko.
2. Ezi zithuba zipapashwe kwi-Weekend Argus nakwi-Die Burger yomhla we-28 Januwari 2006 nakwi-Cape Times yowe-30 Januwari 2006.
3. Izaziso zezi zithuba ziya kuvela kwakhona nakumaphepha-ndaba asekuhlaleni.
4. Umhla wokuvala ukwamkelwa kwazo zonke izicelo ngowe-8 Februwari 2006.
5. Okubhalwe kule ngcaciso emfutshane, enezihlomelo zayo, makwaziswe bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:01:02

Advertisement  (ubukhulu: 11 KB)