1. ISifundo ngezeNkolo (Religion Studies) sesinye sezifundo esitsha eziza kufundiswa kwiCandelo leMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (Further Education and Training Band).
2. Ezo zikolo eziye zazisa ukuba ziya kusifundisa esi sifundo njengenxalenye yekharityhulam yazo kufuneka zisiqalise esi sifundo kwiBakala 10 ukususela ngoJanuwari 2006.
3. Okuqhotyoshelwe apha yikopi yekhompyutha (electronic copy) ye-NCS Religion Studies.
3.1 Ikopi yolu xwebhu iya kuthunyelwa ngokhawuleza ezikolweni ezifundisa iSifundo ngezeNkolo kubafundi beBakala 10 ngo-2006.
4. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise bonke ootitshala beSifundo ngezeNkolo okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:02:03

Religion Studies (National Curriculum Statement, Grades 10-12)  (ubukhulu: 465 KB)