1. Ngenxa yokuqaliswa kwekharityhulam entsha yemfundo ejoliswe kwiziphumo ngoJanuwari 2006 kwiBakala 10, kukho imfuneko yokucingisisa kwakhona indlela amaphepha eemviwo ekufuneka asetwe ngayo. Kubalulekile ukuqaphela ukuba ukufundisa ujolise kwiziphumo kuya kusichaphazela isimbo sokufundisa, iinkqubo zokufunda nezeemvavanyo. Iimviwo zexesha elizayo kufuneka zibethelele inkqubo ebeka umfundi phambili nengundoqo we-NCS.
2. Kwi-NCS, akusazi kuphinda kubekho amaphepha eemviwo oHlelo oluPhezulu noluPhakathi (Higher and Standard Grades). Makusetwe iphepha elinye elinika umahluko koko kuqulathwe liphepha elo. Ukwahluka koqinisekisa ukuba amaphepha eemviwo afikeleleka kubo bonke abafundi nokuqinisekisa ukuba iphepha elo lihlangabezana nazo zonke iindidi zeziphiwo zengqondo zabafundi yaye liyakulungiselela ukugqwesa kwabafundi ezifundweni.
3. I-FET NCS Examination Setting Guide iya kunceda ootitshala ekuseteni awabo amaphepha eemviwo nokubakrobisa kwindlela iimviwo zangaphandle eziya kusetwa ngayo. Esi sikhokelo sicebisa ngamanyathelo amakathathwe ukuseta amaphepha eemviwo. Sinika iimbono malunga neendidi ezahlukeneyo kwaneentlobo zemibuzo eya kuhlangabezana nezimbo zokufunda ezahlukeneyo, abafundi abakrelekrele kwimiba ngemiba (multiple intelligences), amanqanaba ahlukeneyo engqondo kunye namanqanaba ahlukeneyo obunzima. Sikwabonelela ngoluhlu lokutshekisha (checklist) ukulungiselela ukumodareyitha kwenqanaba lokuqala, o.k.t. ukumodareyitha kwangaphakathi okuqhubekela esikolweni (internal school-based moderation) nokufuneka kwenziwe kuzo zonke izikolo.
4. Iinqununu mazincede ziqinisekise ukuba ikopi yesikhokelo, eya kuthunyelwa ezikolweni, yenziwa ifumaneke kubo bonke ootitshala abafundisa apho esikolweni.
5. Ukuba ootitshala bafuna inkxaso engaphezulu, mabaqhagamshelane nomcebisi ngezekharityhulam ochaphazelekayo okwi-EMDC yabo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:11:29


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).