1. ISebe iWCED lithenge ilayisensi yephondo yokusebenzisa i-Rubricate software. Zonke izikolo zaseNtshona Koloni, nokuba zezikarhulumente okanye zezizimeleyo, zingayifaka le software ziyisebenzise, nootitshala bezikolo bangayifaka kwiilephutophu/kwiikhompyutha zabo zasemakhaya.
2. I-Rubricate (Senior yezikolo eziphakamileyo neJunior yezikolo eziziprayimari) yi-software yovavanyo esekelwe ngokupheleleyo kwiziphumo zokufunda nakwimigangatho yovavanyo yeNCS. Yenza ootitshala bakwazi ukuzenzela iirubhrikhi kuzo zonke iinkalo zokufunda ukuqalela kumaBakala R - 9 nakwiqela lezifundo kumaBakala 10 - 12.
3. Ngaphezu kokuba isisixhobo esinamandla nesinokutshintshwa ngokulula xa kusenziwa irubhrikhi, isenganceda ootitshala ukuba benze utshintsho bashenxe kwiindlela zakudala zovavanyo basebenzise iindlela zovavanyo ezisekelwe kwiziphumo zezifundo, kwakunye nokuziqhelanisa nokuqulethwe yikharityhulam kumaxwebhu omgaqo-nkqubo weNCS.
4. Ukunika inkxaso ekusetyenzisweni kwale software ezikolweni, kuza kwenziwa oomasifundisane ababini abathatha usuku olunye, nge-20 nange-27 kaJanuwari 2007.
5. Kucelwa ootitshala ababini kwisikolo ngasinye bezi nkalo zezifundo, Mathematics, Natural Sciences okanye i-Technology ukuba babhalisele iseshoni yosuku olupheleleyo ngomnye wale mhla inikiweyo.
6. Oomasifundisane baya kuqhutywa kwilebhu zeZiko i-Centre for e-Innovation's IT eKuils River Education Multicentre ukususela ngo:08:30 ukuya ku:15:00.
7. Kuya kubonelelwa ngendawo yokuhlala xa ifuneka, kwaye ziya kuhlawulwa iindleko zezithuthi zootitshala abahamba umgama ongaphezu kwe-50km. Ukufumana iinkcukacha ezingaphezulu qhagamshelana noNks A Lowenherz apha 021 467 2621/2529 okanye ngale imeyili: alowen@pgwc.gov.za.
8. Kucelwa wazise okukule ngcaciso emfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo. Ootitshala abafuna ukuya kulo masifundisane kucelwa bazalise ifom esisiHlomelo A baze bayibuyise ngokuyithumela ngefeksi kuNks A Lowenherz apha 021 467 2620 engadlulanga uLwesithathu, we-6 Disemba 2006.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:11:24

Isihlomelo A  (ubukhulu: 58 KB)