1. IZIPHUMO ZEBAKALA 10: UXWEBHU LWESISHWANKATHELO
1.1 Njengoko lo ingunyaka wokuqala wokuphunyezwa kwe-NCS kwiBakala 10, kubaluleke gqitha ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni lenze ucalu-calulo olupheleleyo lweziphumo zeBakala 10. Ngako oko ke ziyacelwa iinqununu ukuba zizalise uXwebhu lwesiShwankathelo (IsiHlomelo A) zize zilungenise ngokuluthumela ngekhompyutha zisebezise i-Excel spreadsheet (e -mail hevanzyl@pgwc.gov.za) kunye nangokufeksela ifom eqhotyoshelweyo kulo (For attention: H.van Zyl, Gr 10 ) ngale nombolo yefeksi (021) 467 2258.
1.2 Njengoko yonke idatha kufuneka iqokelelwe, itshekishwe ize ihlelwe kakuhle ukwenzela ukuba icalulwe ibe sele inikwa uMphathiswa weMfundo wePhondo kunye noMphathiswa weMfundo kuzwelonke, ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise zona ngokwazo buqu ukuba uxwebhu lwesishwankathelo seziphumo lungeniswa ungadlulanga owe-4 Disemba 2006.
2. IISHEDYULI ZOKUPHELA KONYAKA ZEBAKALA 10 2006
2.1 Njengangaphambili, kufuneka ishedyuli yokugunyazisa ukudlulela kwibakala elilandelayo, ukupasa okanye ukuphinda iklasi komfundi. Ishedyuli yokuphela konyaka mayisayinwe yinqununu naligosa lesebe. Yakuba nje ishedyuli isayinwe yinqununu naligosa lesebe, iba luxwebhu olusemthethweni yaye mayigcinwe esikolweni efayilini okanye ebhokisini okanye kwikhompyutha njengolunye lwamaxwebhu ee-akhayivi zesikolo.
2.2 INkqubo kaZwelonke emalunga noVavanyo (National Protocol on Assessment) inika eyona miqathango isezantsi emayilandelwe xa kusenziwa ishedyuli nezinto emazibekho kwishedyuli.
2.3 Kubalulekile ukuba kucace gca ukuba zenziwe njani iishedyuli nokuba ziyangqinelana iishedyuli ezisetyenziswa liSebe leMfundo leNtshona Koloni.
2.4 Okuqhotyoshelwe apha kule ngcaciso emfutshane ngumzekelo weshedyuli (IsiHlomelo B) nomawusetyenziswe zizikolo ngo-2006. Zinako izikolo ukuthi, ekupheleni kuka-2006, mhlawumbi zisebenzise lo mzekelo okanye ifomathi esetyenziswa ngoku seso sikolo sithile, ngokuxhomekeka ekubeni loo shedyuli iyangqinelana neyona miqathango isezantsi ecaciswe kwiNkqubo kaZwelonke emalunga noVavanyo, ka-Oktobha 2005 (National Protocol on Assessment, October 2005).
2.5 Xa kuphela unyaka ngamnye, iikopi zeeshedyuli ezingamaphepha ezisayiniweyo zaza zangqinwa mazinikwe abaphathi beesekethe bee-EMDC ukulungiselela iinjongo zokuba zigcinwe ezifayilini.

Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu.



ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:11:24

Isihlomelo A  (ubukhulu: 12 KB)  |  Isihlomelo A ("zip" .XLS)  (ubukhulu: 190 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 486 KB)  |  Isihlomelo B ("zip" .DOC) (ubukhulu: 95 KB)