1. Ukuphunyezwa kwekharityhulam entsha akukaze kube yinkqubo elula. Kufuneka ootitshala bakhulise ulwazi lokuqonda isantya sabo ekufundiseni, iimfuno eziphambili nokuqulathwe kwisifundo ngasinye - inkqubo eya ikhula ngokukhula nenokwenzeka kuphela ngethuba lokufundisa eso sifundo.
2. Abafundi abaphinda iBakala 11 ngo-2007 kuya kufuneka batshintshele kwizifundo ze-FET. Oku kuya kuthetha ukuba kufuneka benze izifundo ezine eziphambili, ezinye zazo ibe sisifundo soLwazi ngezoBomi neMathematika okanye uLwazi lweMathematika (Life Orientation and Mathematics or Mathematical Literacy), nekuyimiqathango emitsha yeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate). Kungafuneka kwakhona benze nezinye izifundo ezitsha.
3. Kwinzame zokunika inkxaso abafundi abalolu hlobo, kuveliswe izikhokelo zezifundo (subject guidelines) eziyi-26 zokunika isikhokelo kootitshala ekwenzeni lula olu tshintsho.
4. Ezi zikhokelo zezifundo zinika iziphumo zokufunda (learning outcomes) kwiBakala 10, kwakunye nolwazi lwangaphalbili nezakhono ezifunekayo ukuze babe nokuqhubela phambili nesifundo se-NCS ngasinye kwiBakala 11. Kuya kufuneka aba bafundi baphinda ibakala 11 bafumane olu lwazi nezi zakhono zifanelekileyo.
5. Ukongeza koku, izikhokelo zezifundo zibonisa izinto ezifanayo, ukuba ngaba zikho, zesifundo se- Report 550 kwisifundo se-NCS. Le ngcaciso iya kunceda ootitshala ukuba baqaphele ulwazi lwekhontenti yesifundo nezakhono ekufuneka benazo aba bafundi baphinda ibakala 11.
6. Kuya kunikwa enye ingcebiso ngokuthi kucetyiswe ezona ndlela zokufundisa zifanelekileyo kwisiphumo sokufunda ngasinye, kwakunye namaxesha acetyiswayo okanye inani lamaxesha okufundisa afunekayo.
7. Kucetyiswa ukuba ootitshala benze zingqinelane ezi zikhokelo zezifundo nee-pace setters zika-2007 zeBakala 11 eziza kuthunyelwa ezikolweni kungekudala.
8. Ootitshala abanemibuzo malunga nokunika inkxaso abafundi abaphinda ibakala 11 ngo-2007, mabancede baqhagamshelane nabacebisi ngezekharityhulam abachaphazelekayo abakwii-EMDC zabo.
9. Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede ziqinisekise ukuba ngamnye utitshala wesifundo ufumana ikopi yezikhokelo zezifundo ezizakuthungelwa ezikolweni ezihamba kunye nolu xwebhu nokuba zikubeke esweni ngenyameko ukuphunyezwa kwazo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:11:24