1. Iincwadi zokufunda ezixabisa izigidi zeerandi zinikwa izikolo ukuxhasa ukuphunyezwa kweekharityhulam ezintsha. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linoxanduva lokuqinisekisa ukusetyenziswa ngokukuko kwemali karhulumente kunye nepropathi karhulumente. Ngako oko ke ziyacelwa iinqununu ukuba zincede ziqinisekise ukuba kukho iinkqubo ezizizo ezimiselweyo zokulawula ukusetyenziswa kweencwadi zokufunda ngabafundi, esikolweni nasekhaya njengoko kufunwa njalo yikharityhulam.
2. Isicwangciso solawulo lweencwadi zokufunda sifanele ukubandakanya ezi zinto zilandelayo:
2.1 Ukwamkela iincwadi zokufunda

Xa kuziswa iincwadi zokufunda esikolweni, isikolo masitshekishe i-invoyisi, siyisayine size sifayilishe ikopi yephetshana elingqina ngeencwadi ezizisiweyo. Izihloko zeencwadi nenani lazo malibhalwe kwi-iventri yesikolo. Iincwadi mazifakwe isitampu sesikolo zize zinikwe inombolo engafani nenye.

2.2 Ukukhutshwa kweencwadi zokufunda zinikwe abafundi

Ngosuku lokuqala lonyaka wesikolo, abafundi mabasayinele incwadi nganye abayinikwayo ekuluhlu ekubhalwe kulo incwadi nenombolo yayo nganye ecaleni kwayo. Izintlu zeencwadi ezisayiniweyo mazigcinwe yinqununu okanye yikomiti yeencwadi. Kwezinye izikolo umfundi ngamnye unoluhlu lweencwadi ekufuneka lusayinwe ngumfundi nangumzali. Kufuneka ezi ncwadi zikhavarishwe ukuze zigcinakale ixesha elide.

2.3 Ukutshekishwa kweencwadi zokufunda

Kwiveki yokuqala yekota yesithathu kufuneka abafundi baze nazo zonke iincwadi zabo zokufunda esikolweni ukuze zitshekishwe ngootitshala beeklasi. Kwezinye izikolo kukho usuku lokutshekishwa kweencwadi kanye ngekota ukwenzela ukutshekisha iincwadi ezilahlekileyo ngokuzijonga kuluhlu. Kwimeko yeencwadi ezilahlekileyo, kuxelelwa abazali baze bacelwe ukuba bazithenge okanye bahlawule ixabiso lazo (replacement value). Abafundi banikwa ii-akhawunti zeencwadi abazityalayo baze bamana ukukhunjuzwa rhoqo. Isikolo masithenge incwadi (iincwadi) kumthengisi size sinike umfundi loo ncwadi intsha (ezo ncwadi zintsha).

2.4 Ukubuyiswa kweencwadi zokufunda ngabafundi

Ekupheleni konyaka wesikolo, iincwadi mazibuyiselwe kutitshala wesifundo ngosuku ekubhalwa ngalo uviwo. Utitshala makatshekishe incwadi nganye ngokujonga inombolo yencwadi kunye negama lomfundi. Kungenjalo, ikomiti yeencwadi zokufunda (textbook committee) mayiqokelele iincwadi zokufunda ezibuyiswa ngabafundi kwigumbi leencwadi, isebenzise izintlu zeencwadi (booklists).

2.5 Ingxelo malunga neencwadi

Makugcinwe irekhodi yeencwadi ezilahlekileyo, ezihlawulelweyo kwaza kwathengwa ezinye endaweni yazo. Ekupheleni konyaka, ikomiti yeencwadi zokufunda mayinike inqununu ingxelo ngenani leencwadi ezazikhutshiwe kunye nenani leencwadi ezibuyisiweyo kwisihloko ngasinye. Makubalwe ipesenteji iyonke yeencwadi ezibuyisiweyo. Ingxelo mayiphethwe ngokunika iingcebiso ngomakwenziwe ukunyusa ipesenteji yeencwadi ezibuyiswayo kunyaka olandelayo.

3. Incwadi kumele ihlale ithuba leminyaka emihlanu ubuncinane.
4. Iincwadi nezinye izinto zokuncedisa ukufunda nokufundisa (umz. iikhithi) ezikhutshwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni ziya kumana zitshekishwa ngamathuba athile ukuqiniseka ukusetyenziswa kwazo kakuhle nokugcinakala kwazo ngokukhuselekileyo.
5. Enkosi ngentsebenziswano yenu ukuqinisekisa ukuba izinto zokuncedisa ukufunda ezikhoyo zisetyenziswa ngeyona ndlela ibhetele ukulungiselela abafundi bethu.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:11:27