1. Intshayelelo
1.1 IZikhokelo zeeMvavanyo zeZifundo (Subject Assessment Guidelines) ezapapashwa ngoSeptemba 2005 zezifundo ezingama-29 ezidweliswe kwiNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke kumaBakala 10-12 (zeJenerali (General)) ziye zaphononongwa kwakhona ukwenzela ukucacisa ngakumbi la maxwebhu.
1.2 Inkqubo yokuphonononga iye yaphenjelelwa ziikhomenti ezisuka kootitshala nakwabanye abathathi-nxaxheba (stakeholders). Ingakumbi inani lemisebenzi elindeleke ukuba yenziwe kwiiLwimi liye lahlaziywa kwaza kwacaciswa nohlobo lwemiSebenzi yeZatifikethi kwisifundo soLwazi ngezoBomi.
1.3 Ezi nguqu ziqala ukusebenza kumaBakala 10 no-11 ukususela kowe-1 Januwari 2007 kuze kwiBakala 12 ziqale ukusebenza ukususela kowe-1 Januwari 2008.

2. IiLwimi:

Ezi thebhile zilandelayo zibonisa inani elihlaziyiweyo lemisebenzi yeeLwimi:

2.1 AMABAKALA 10 NE-11

Inani lemisebenzi yeemvavanyo eyenza le program yeemvavanyo yeeLwimi kumaBakala 10 no-11

IZIFUNDO IKOTA 1IKOTA 2IKOTA 3IKOTA 4IYONKE
ULwimi 1: ULwimi lweNkobe 44*44*16
ULwimi 2: Xa kukhethwe i-HL okanye i-FALHL44*44*16
Taal 2: Keuse HT of EATFAL44*44*16
Isifundo soLwazi ngezoBomi 11125
IMathematika okanye uLwazi lweMathematika 22*22*8
Xa kukhethwe kwizifundo 1 ** 22*21*7
Xa kukhethwe kwizifundo 2** 22*21*7
Xa kukhethwe kwizifundo 3 22*21*7

Qaphela:

* Omnye wale misebenzi mayibe luviwo

** Ukuba esinye okanye ezibini kwizifundo ezikhethiweyo kukhetho lwezifundo 1, 2 okanye 3 sibandakanya uLwimi, kusaza kuhlala kusebenza inani lemisebenzi eboniswe kwiiLwimi 1 no-2 kuLwimi lweNkobe (Home Language (HL)) nakuLwimi lokuQala oLongezelelweyo (First Additional Language) (FAL).

Abafundi abakhetha uLwimi lweSibini oLongezelelweyo (Second Additional Language (SAL)) kufuneka bagqibe imisebenzi eli-13 iyonke: imisebenzi emi-4 kwikota 1 nemisebenzi emi-3 kwiikota 2, 3 no-4.

2.2 IBAKALA 12

Inani lemisebenzi yeemvavanyo eyenza le program yeemvavanyo yeeLwimi kwiBakala 12

IZIFUNDO IKOTA 1IKOTA 2IKOTA 3IKOTA 4IYONKE
ULwimi 1: ULwimi lweNkobe 55*4 14
ULwimi 2: Xa kukhethwe i-HL okanye i-FALHT55*4 14
ULwimi 2: Xa kukhethwe i-HL okanye i-FALFAL55*4 14
Isifundo soLwazi ngezoBomi 31125
IMathematika okanye uLwazi lweMathematika 32*2* 7
Xa kukhethwe kwizifundo 1 ** 22*(2*) 3 (6#) 7
Xa kukhethwe kwizifundo 2** 22*(2*) 3 (6#) 7
Xa kukhethwe kwizifundo 3 22*(2*) 3 (6#) 7

Qaphela:

* Omnye wale misebenzi mayibe luviwo

** Ukuba esinye okanye ezibini kwizifundo ezikhethiweyo kukhetho lwezifundo 1, 2 okanye 3 sibandakanya uLwimi, kusaza kuhlala kusebenza inani lemisebenzi eboniswe kwiiLwimi 1 no-2 kuLwimi lweNkobe (HL) nakuLwimi lokuQala oLongezelelweyo (First Additional Language) (FAL). Abafundi abakhetha uLwimi lweSibini oLongezelelweyo (Second Additional Language) (SAL) kufuneka bagqibe imisebenzi eli-12 iyonke: imisebenzi emi-5 kwikota 1 nemisebenzi emi-4 kwikota 2 kunye nemi-3 kwiikota 3.

# Inani lemisebenzi eyenziwa esikolweni ngesifundo ngasinye alifani, ingami-6 ukuya kwesi-7 njengoko kuchaziweyo kwizikhokelo zeemvavanyo zezifundo.


3. ISIFUNDO SOLWAZI NGEZOBOMI

Imisebenzi yezatifikethi ecetyiswayo kwisifundo soLwazi ngezoBomi yimisebenzi ozikhethelayo (optional). Injongo yayo kukukhuthaza ulwazi lokuzifumanela ingqesho nokufunda kubafundi njengoko bephuma kwiBakala 12. Kufanele ke ngoko bakhuthazwe kakhulu aba bafundi ukuba bathathe inxaxheba kwimisebenzi elolu hlobo apho iimeko zivumayo.

Imisebenzi yezatifikethi ekhethiweyo kufanele yenze umahluko kwiSivi (Curriculum Vitae) yomfundi ngamnye. Umzekelo, abafundi bangazuza lukhulu ekufumaneni amava okuququzelela izinto ezenziwa ezikolweni, umsebenzi owenziwa ngabahlali kunye nasekuthatheni inxaxheba kwezemidlalo, njl. njl.

Kufanele utitshala akhethe imisebenzi yezatifikethi ehlangabezana neemfuno zabafundi yaye abavumele abafundi bakwazi ukwenza iindidi ngeendidi zemisebenzi elolu hlobo apho kunokwenzeka.

Umsebenzi wesatifikethi ungasusela kuhlobo loko kwenziweyo okanye lothatho-nxaxheba.

3.1 ImiSebenzi eSusela koKwenziweyo (Perfomance-based Tasks)

Imisebenzi yezatifikethi esusela kwimisebenzi eyenziweyo, umzekelo uNyango lokuQala kwiNqanaba 1 (First Aid Level 1) okanye ilayisensi yokufunda ukuqhuba (learner's licence), zenziwa liqumrhu okanye ngumbutho oqhuba uvavanyo wangaphandle (outside assessing body/organisation). Kufuneka abafundi banelise imiqathango yelo qumrhu okanye yaloo mbutho uqhuba uvavanyo wangaphandle ukuze banikwe isatifikethi soko bakwazi ukukwenza (competence certificate). Imisebenzi elolu hlobo yenza igalelo ngqo kulwazi lokuzifumanela ingqesho nokufunda kumfundi. Eminye imizekelo yemisebenzi elolu hlobo ibandakanya iikhosi zolwazi lwekhompyutha (computer literacy courses) neekhosi ngezakhono zokufunda (study skills courses).

Imilinganiselo (iikhrayitheriya) yemisebenzi yezatifikethi esusela kwimisebenzi eyenziweyo iya kumiselwa ngaphandle (set externally) ize imodareyithwe ngumbutho ofundisa loo misebenzi. Utitshala wesifundo soLwazi ngezoBomi kufuneka kwakhona abeke esweni uthatho-nxaxheba lwabafundi kwezi khosi.

3.2 ImiSebenzi eSusela kuThatho-nxaxheba (Participation-based Tasks)

Izatifikethi ezisusela kuthatho-nxaxheba, umzekelo, ukuthatha inxaxheba kumsebenzi wasesikolweni wasemva kweeyure zokufundisa okanye kumsebenzi wasekuhlaleni, okanye kwezo zinto zenziwa sisikolo kunye nayimibutho yasekuhlaleni. Kulindeleke ukuba abafundi bathathe inxaxheba qho kumsebenzi lowo ngethuba lexesha eliqingqiweyo. Eminye imizekelo yemisebenzi elolu hlobo ibandakanya ukucwangcisa nokwenza amalungiselelo eziganeko ezinjengamaphulo okwazisa uluntu nawokufundisa (awareness and education campaigns), amava asemsebenzini, ukuthatha inxaxheba kwizinto zezemidlalo/ezokuhamba ngeenyawo/ ezokuhayikha/iklabhu yokuzigcina uphile qete ngokwasemzimbeni, nasekuncediseni kumalungiselelo esiganeko esiqhubeka esikolweni, njl. njl.

Funda kwiCandelo 4 leZikhokelo zeeMvavanyo zeZifundo (Section 4 of the-Life Orientation: Subject Assessment Guidelines) zikaJanuwari 2007 ukufumana isikhokelo esingaphezulu kunye nemizekelo yemisebenzi yezatifikethi.


4. AMAXWEBHU EZIKHOKELO ZEEMVAVANYO ZEZIFUNDO (SUBJECT ASSESSMENT GUIDELINES)
4.1 Iikopi zeZikhokelo zeeMvavanyo zeZifundo (Subject Assessment Guidelines) zisaprintwa liSebe leMfundo likazwelonke yaye ziya kuthunyelwa ezikolweni. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liguqulela la maxwebhu kwisi-Afrikansi yaye liya kuzithumela iikopi zawo ngokukhawuleza zakuba zigqityiwe.
4.2 Iikopi zala maxwebhu ziyafumaneka kwakhona kwiziko lewebhu lecandelo leemviwo neemvavanyo le-WCED apha ( http://curriculum.wcape.school.za).


Ziyacelwa iinqununu nabaphathi bekharityhulam ukuba baqinisekise ukuba okubhalwe kule ngcaciso emfutshane kwaziswa bonke ootitshala.



ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:11:17