1. Uyacelwa ukuba ufunde le Setyhula 0039/2000, yomhla we-8 Meyi 2000, eyakhutshwa ihamba kunye nale ncwadi yemigaqo Basic Financial System for Schools, neyayikhutshwa okokuqala.
2. Le ncwadi yemigaqo (manual), yenziwe yangqinelana nomthetho wamva nje kunye nezona ndlela zibhetele zokuyisebenzisa kwaye le nguqulelo yesibini ngoku ikhutshwa ikwi-CD. Luxanduva lwe-EMDC nganye ukuyihambisa iye ezikolweni zikarhulumente eziqhelekileyo eziphantsi kolawulo lwayo.
3. I-CD iya kuphehlelelwa ngokusesikweni (launched) nguMphathiswa wezeMfundo wePhondo uMnu Cameron Dugmore, nge-12 Septemba 2006.
4. Inguqulelo eprintiweyo (printed version) yale ncwadi yemigaqo ehlaziyiweyo (revised manual) kulindeleke ukuba ifumaneke ukuze ihanjiswe iye ezikolweni ngoNovemba 2006.
5. Naziswa kwakhona oku kulandelayo ukuze nikuthathele ingqalelo:
5.1 Le ncwadi yemigaqo (manual) ikhutshwa ngokweSiqendu 37(1) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, ka-1996, (uMthetho 84 ka-1996) (South African Schools Act, 1996, Act 84 of 1996) omisela ukuba makusekwe ibhunga lolawulo lesikolo ukuze lilawule imali yesikolo ngokungqinelana nemiyalelo ekhutshwa yiNtloko yeSebe. Kulindeleke ukuba izikolo namabhunga olawulo ezikolo ziphumeze imiyalelo nezikhokelo ezikule ncwadi yemigaqo. Le ncwadi yemigaqo ichaza kuphela ezona mfuno zisezantsi (minimum requirements).
5.2 Ziyacelwa kwakhona izikolo ukuba zingenise qho kwii-EMDC zazo iingcebiso (recommendations) malunga nezona ndlela zibhetele zokuyisebenzisa nokuyiphucula le ncwadi yemigaqo.
5.3 Sekusekwe iikomiti kuzo zonke ii-EMDC ukwenzela ukunika, ngaphandle kwentlawulo, inkxaso noqeqesho kwiinkqubo ezichazwe kule ncwadi yemigaqo. Phambi kokuba kufunwe uncedo kubantu bangaphandle, izikolo zicetyiswa ukuba ziqale zithethe nee-EMDC zazo ukuze zifumane inkxaso.
6. Uyacelwa ukuba wazise le ngcaciso emfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-E.I. MEYER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:09:06