1. IPhulo leHlabathi liphela lezeMfundo (Global Campaign for Education), elixhaswa yi-UNESCO, libhengeze iveki eqalela kowe-24 ukuya kowe-30 Apreli 2005 njengeveki ye-EFA.
2. Injongo yeli phulo kukwenza ukuba imfundo ibe nokufikeleleka kubo bonke abantwana.
3. Umxholo weVeki ye-EFA uthi "Thumela uMhlobo wam eSikolweni" ("Send my Friend to School"). Bayacelwa abantwana nabafundi abadala ukuba benze imifanekiso yomntu opheleleyo (life-size cut-outs) (yabahlobo babo) ngeekhadibhodi okanye ngamalaphu (fabric) njengomqondiso we-104 lezigidi zabantwana abangafundiyo nama-800 ezigidi zabadala abangakwaziyo ukufunda nokubhala, baze babahombise aba “bahlobo” ngezigwagwiso (slogans) ezinjengezi “Ziya kuvuleka iingcango zeendawo zokufunda nenkcubeko” ("The doors of learning and culture shall be open"), "Fundisa uluntu ukuze lukwazi ukuthintela iAIDS" kunye "IMfundo yokuthintela ukusetyenziswa kwabantwana" ("Education to stop child labour").
4. Ayacelwa amaziko ukuba acele iindwendwe ezibalulekileyo nabahlali ukuba basayine izibhambathiso (pledges) ezikule mifanekiso ngethuba leveki ye-EFA.
5. Ingcaciso engaphezulu ngeli phulo ifumaneka kweli ziko lewebhu: http://www.campaignforeducation.org
6. Nceda wazise okubhalwe kule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-T.S. SHAYI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:04:11