1. Abaphathi abathile bamaziko emfundo yabadala (abaphathi bamaziko) nabaququzeleli bamaziko baqeshwa isigxina ngemvumelwano ithuba elithile elicacisiweyo.
1.1 Ingqesho elolu hlobo yenziwa ngokwemiqathango nemigqaliselo enikwe kwimvumelwano leyo nakule ncwadana Procedure Manual for Centre Managers and Site Co-ordinators.
1.2 Imvumelwano ka-2005 icacisa ukuba “ekupheleni kwexesha lemvumelwano njengoko licacisiwe kwimvumelwano, inkonzo yoMphathi weZiko okanye yoMququzeleli weZiko iya kupheliswa nayo kwangelo xesha linye size isithuba eso sipapashwe kuluhlu lwezithuba”.
2. Zonke izithuba zemvumelwano ezisisigxina zabaphathi bamaziko nezabaququzeleli bamaziko zika-2006, ngako oko ke, ziya kupapashwa kuLuhlu lweZithuba eziZodwa (Special List of Vacancies) ngo-Novemba 2005. Bayakhuthazwa abo bangabaphathi bamaziko nabaququzeleli bamaziko njengangoku ukuba benze izicelo.
3. Yonke imibuzo ngokumalunga noku mayibhekiswe kumlawuli we-EMDC ochaphazelekayo.
4. Nceda wazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane bonke ootitshala namalungu amabhunga olawulo ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-DR SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:10:27