1. |
IBhunga loMzantsi Afrika laBantu aBadala (South African Council for the Aged) licwangcisela imibhiyozo yeminyaka engama-50 kaGuga uZenzela (Age-in-Action) ngo-2006 licele ukuba bonke abafundi babe nokunceda abemi abadala ngawo wonke unyaka ozayo.
|
2. |
Njengenxalenye yale mibhiyozo, ezi ntsuku zikhethiweyo zilandelayo zibekelwe bucala njengezokuhlonipha abemi bethu abadala ngo-2006:
|
3. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni liyakuxhasa konke oku yaye ziyacelwa iinqununu ukuba zifake le mihla kwizicwangciso zazo zango-2006 ukukhulisa nokukhuthaza intlonipho nesidima kubemi bethu abadala.
|
4. |
Ziyacelwa izikolo ukuba zithathe inxaxheba zize zicwangcise ubuncinane iprojekthi ibe nye engokumalunga nabemi abadala ngo-2006. |
5. |
IBhunga laBantu aBadala linike ezi ngcebiso zimbalwa zilandelayo emakhe ziqwalaselwe:
|
6. |
Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zongeze ezinye izinto kwezi ngcebiso ukubonisa umdla kulutsha wokuthakazelela ukunceda abantu abadala bethu lungajongi ezalo iimfuno kuphela. |
ISAYINWE: NGU- DR SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:10:19
|