1. La malungiselelo alandelayo avunyiwe ukwenzela ukuqinisekisa ukuba unyaka wezifundo ka-2005 uqukunjelwa ngocwangco.
2. UMphathiswa weMfundo kuZwelonke wazise ukuba iziphumo zeeMviwo zeMatriki zawo onke amaphondo ziya kubhengezwa ngoLwesine we-29 Disemba 2005.
3. Ukuqinisekisa ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuba selikulungele oko ngaloo mhla, ukumakishwa kwamaphepha eemviwo kufuneka kuqale ngoLwesine we-1 Disemba 2005.
4. Ikota yesine iphela ngoLwesihlanu we-2 Disemba 2005 kubafundi ize iphele ngoLwesibini we-6 Disemba 2005 kootitshala (iNgcaciso eMfutshane No. LS/28/2008).
5. Njengoko usuku lokugqibela lokuya esikolweni lwabo bonke abafundi ukususela kwiBakala R ukuya kwele-11 inguLwesihlanu we-2 Disemba 2005, uvavanyo lwangaphakathi lokuphela konyaka kufuneka luqhubeke ngolu hlobo lulandelayo:
5.1 KwiBakala R - 7

Ootitshala beBakala R - 7 basenako ukugqibezela amaxwebhu abhalwayo ukulungiselela uVavanyo Rhoqo (Continuous Assessment) (CASS) kunye neeshedyuli zokupasa kwabafundi (progression schedules) kwiveki yokugqibela kaNovemba 2005, njengoko kungekho mfuneko yokuba aba bafundi babhale iimviwo.

5.2 IBakala 8

Iimvavanyo ezibhalwa ngaphakathi njengenkqubo eyinxalenye ye-CASS kwiBakala 8 kufuneka zibhalwe ukususela kuLwesine we-3 Novemba 2005 ukuya kutsho ngoLwesibini we-22 Novemba 2005.

5.3 IBakala 9

IMisebenzi yoVavanyo eFanayo (CTAs) mayenziwe ngexesha leeyure zesikolo zesiqhelo ize igqitywe ngoMvulo we-21 Novemba 2005. (iNgcaciso eMfutshane No: CD/66/2005)

5.4 AmaBakala 10 - 11

Kwizikolo zasesekondari, iimviwo zinokubhalwa ngethuba elona lide libe ziintsuku ezili-14. Iimviwo zangaphakathi zamaBakala 10 - 11 kufuneka zibhalwe ukususela ngoLwesine we-3 Novemba 2005 ukuya kutsho ngoLwesibini we-22 Novemba 2005. Oku kwenzelwa ukuqinisekisa ukuba ziyenziwa iinkqubo eziyimfuneko nokuba amaxwebhu ayimfuneko abe sele elungile ngexesha lokumodareyitha nokupasiswa kwabafundi (progression) okwenziwa ziikomiti ezijongene nemiba ngemiba yezemfundo (multifunctional teams) ungekadluli owe-5 Disemba 2005. Zonke iithayimthebhile zeemviwo mazingeniswe kuMlawuli we-EMDC ochaphazelekayo ukuze enze isigqibo sokugqibela.

6. Amalungiselelo eemviwo abafundi beBakala 12
6.1 IiMviwo zeMatriki ziqala ngoMvulo we-10 Oktobha 2005 zize ziphele ngoLwesithathu we-23 Novemba 2005. (iSetyhula No. 0049/2005)
6.2 Usuku lokugqibela lokuya esikolweni kwabafundi beBakala 12 phambi kokuba ziqale iimviwo zeMatriki nguLwesithathu we-5 Oktobha 2005. Kufuneka kugxininiswe ukuba abaviwa baya kusoloko bephantsi kolawulo lwesikolo eso zide iimviwo zigqitywe ngoLwesithathu we-23 Novemba 2005.
6.3 Kucelwa niqaphele ukuba umhla wokugqibela wokubhalwa kweemviwo usengahlehliswa ukuba kuye kwakho naziphi na iingxaki ngethuba lokubhalwa kweemviwo. Abaviwa baya kusoloko bephantsi kolawulo lwesikolo kude kube nguloo mhla wokugqibela uhlehlisiweyo.
7. Iinkqubo ze-CASS
7.1 Kufuneka iiprofayili neephothifoliyo zabafundi zinikwe iikomiti ezijongene nemiba ngemiba yezemfundo (multifunctional teams) ukuze zimodareyithwe zize zipasiswe ekupheleni konyaka wesikolo.
7.2 Ubungqina bovavanyo nokurekhodwa kwabo zezona zinto zijongwayo xa kusenziwa izigqibo ngokumalunga nenkqubela yabafundi ekupheleni konyaka wesikolo.
7.3 Bonke abathathi-nxaxheba kufuneka bakuqonde ukubaluleka kweeprofayili neephothifoliyo ezingqinisisiweyo, ezibhalwe ingcombolo yakutshanje (updated), nezigcinwe kakuhle njengoko ezi zinto zibonisa inkqubela yabafundi ngawo wonke lonyaka.
7.4 Onke amanqaku eBakala 12 e-CASS kufuneka amodareyithwe aze athunyelwe kwi-EMDC echaphazelekayo engekadluli uLwesithathu we-26 Oktobha 2005.
8. Ukhuseleko lwabafundi ekupheleni konyaka
8.1 Ukhuseleko lomfundi ngamnye lusoloko luyeyona nto ebaluleke kakhulu. Ziyacelwa izikolo ukuba zixoxe ngamanyathelo okhuseleko njengomba ophambili kunye nabo bonke abasebenzi xa kusenziwa izicwangciso zokuphela konyaka.
8.2 Abazali babafundi namalungu ebhunga lolawulo lesikolo kufuneka aziswe ngencwadi ebhaliweyo ngamalungiselelo okuphela konyaka nangezicwangciso zokhuseleko lwabafundi.
8.3 Abazali babafundi kufuneka baziswe ngencwadi ebhaliweyo ukuba kwenziwe naluphi na utshintsho kumalungiselelo kwakhona naxa abantwana babo bengawalandeli ngqo amanyathelo ekuvunyelwene ngawo.
8.4 Inxaxheba, uxanduva, izigqibo, imigaqo kunye neziphumo ezinokulandela zokungenzi zicwangciso zokhuseleko lwabafundi mazicaciswe kubo bonke ootitshala, abafundi nakwabanye abathathi-nxaxheba (other role-players).
8.5 Ababoneleli-nkonzo kubahlali, umz. amagosa endlela, amapolisa kamasipala, ababonelela ngezothutho kunye nabaqhubi beeteksi, kufuneka baziswe ngezicwangciso zesikolo zokuphela konyaka khon’ ukuze babe nokuba luncedo ukuba kukho imfuneko yoko.
8.6 Makwenziwe isikhokelo ukulungiselela amatheko okuphela konyaka yaye yonke imiba yezokhuseleko noxanduva oluhamba kunye nayo mayaziswe bonke abafundi.
8.7 Bonke abafundi ukususela kwiBakala R - 11 balindeleke ukuba beze esikolweni kude kube ngumhla wokugqibela wesikolo wabafundi, nonguLwesihlanu we-2 Disemba 2005, njengoko kubonisiwe kwikhalenda yesikolo.
8.8 Luxanduva lwesikolo ngasinye ukucwangcisa iprogram yesikolo yasemva kweemviwo kude kube lusuku lokugqibela lwesikolo oko kusenziwa ngendlela apho baye abafundi bathathe inxaxheba nabo ngokunika iingcebiso ezakhayo. Kucetyiswa ukuba le program ingabandakanya, phakathi kwezinye izinto, imisebenzi enjengale ilandelayo:
  • Ukuzihlolisisa kwabafundi (learner review) nokucingisisa ngeemviwo (reflection)

  • inkxaso ethe gqolo enikwa abafundi abafumana izithintelo (barriers) ekufundeni
  • ukuqhubeka neprogram yesikolo yezemidlalo
  • ukuqhubeka neprogram yezobugcisa nenkcubeko
  • iprogram yezakhono zobomi, umz. inkcazo ngezamakhondo omsebenzi, ukwenza umsebenzi wesikhundla esithile phantsi kweliso lokweso sikhundla, izithethi zembeko, imini yemalike, iiseshoni zokuzixhobisa wena buqu
  • Iprogram yokwandisa ulwazi eyenziwa sisikolo, umz. ikhwizi (quiz) yebakala ngalinye, iingxoxo-mpikiswano, ulonwabo nemidlalo, inkonzo eyenzelwa abahlali
  • iihambo zophando (field trips) nezinye iihambo zezemfundo (excursions)



ISAYINWE: NGU-DR SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:09:22