1. Sele kuqhutywa mpela ukuphunyezwa kovavanyo lokwandlalela (baseline evaluation) kwiNkqubo yoLawulo loMgangatho eBanzi (Integrated Quality Management System (IQMS)) kootitshala abasezikolweni kuzo zonke izikolo zeli phondo. ICandelo loPhuhliso lwaBasebenzi (The Directorate: Human Resource Development) livakalisa umbulelo walo kootitshala kuzo zonke izikolo ngomdla wabo nangokuzimisela kwabo ekuqinisekiseni ukuba siyaphunyezwa iSicwangciso sezoLawulo (Management Plan) esicaciswe kule Ngcaciso eMfutshane HRD/0062/2004.
2. Njengoko iSebe leMfundo leNtshona Koloni lifuna ukuqinisekisisa ngokupheleleyo ukuba wonke umntu ochaphazelekayo uxhotyiselwe ukuba akwazi ukuphumeze le nkqubo ibaluleke kangaka, ootitshala baya kunikwa ithuba lokuba baye kwiseshoni yokugqibela yoqeqesho kwi-IQMS.
3. Ngako oko ke, ukuba kukho ootitshala abaphoswayo ziiseshoni zokuqala zoqeqesho okanye abanqwenela ukuya kwiseshoni yokuhlaziya ulwazi lwabo, mabaqhagamshelane nomququzeleli we-IQMS okanye umphathi wesekethe kwiziko labo lolawulo nophuhliso lwemfundo (EMDC) ukubhalisela enye yezi seshoni zilandelayo:
I-EMDCIFONIUMHLAINDAWOIXESHA
Metropole Central 021 659 437026/2Cape Town Teachers’ Centre 09:00-12:00
Metropole North 021 938 314123/2EMDC Metropole North B114:00-17:00
Metropole East 021 900 708023/2Alta du Toit School Kuils River14:00-17:00
Metropole South 021 370 20003/3Main Hall, Lentegeur Hospital14:00-17:00
West Coast / Winelands 021 860 156423/2
28/2
Vredendal North Primary
Paarl EMDC Hall
14:00-17:00
Breede River / Overberg 021 860 15642/3EMDC Breede River/Overberg, Wocester14:00-17:00

4. Ziyakhunjuzwa kwakhona iinqununu neeKomiti zoPhuhliso lwaBasebenzi (Staff Development Teams (SDT)) ukuba ziqinisekise ngokuba bonke ootitshala basayine uxwebhu olunamagama ootitshala olungqina ukuba bazifumene iikopi zabo ze-IMQS Support Material nolukwangqina ukuba bayile kwiseshoni yoqeqesho kwi-IQMS. Oku kuyinxalenye yeenkqubo zolawulo lwe-IQMS eziyimfuneko ngokweMvumelwano yeMibutho yoThetha-thethwano yaBasebenzi (Collective Agreement).
5. Kumelwe ukuba ngoku iinqununu nee-SDT seziqhagamshelene nabaphathi beesekethe bazo ngokumalunga nokuqhutywa kovavanyo olwenziwa ziinqununu kunye nokuncedisa i-SDT kuqulunqo lweSicwangciso soPhuculo lweZikolo (School Improvement Plan) (SIP) esisusela kwiZicwangciso zoPhuhliso loMntu ngaMnye (Personal Growth Plans (PGPs)) zotitshala ngamnye.
6. Bayakhuthazwa ootitshala, ii-SDT kunye neenqununu ukuba batyelele iziko lethu lewebhu apha: http://www.hrd.wcape.school.za ukufumana iindaba zakutshanje nge-IQMS, iincwadi nezinye izinto zokufunda. Ukutyelela qho eli ziko lewebhu ukwenzela ukufumana iinkcukacha ezikhutshelwe kwi-intanethi (downloads) kuya kwenza kube lula ukuphumeza le nkqubo esikolweni.
7. Nceda wazise okukule ngcaciso emfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:02:17