1. UMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, ka-1996 (uMthetho 108/1996) unika isiseko sokuqondwa ngokucacileyo kwamalungelo oluntu angundoqo. Ukwanika isikhokelo malunga nokusetyenziswa ngendlela ebonakalayo kwaloo malungelo kubomi bethu bemihla ngemihla.
2. Ngokubhekiselele kula malungelo, ngokukodwa, ukukhuselwa kwamalungelo abafazi nabantwana, ayacelwa amaziko emfundo ukuba acwangcise aze enze iiprogram ezithile, kuqukwa iintlanganiso, iintetho, iingxoxo-mpikiswano, iindibano (assemblies) ezithile kunye neminye imisebenzi, ekhokelela ekubhiyozelweni koSuku lwaMalungelo oLuntu.
3. Ukungqinelana neyona nto egxininiswa yiNkulumbuso neKhabhinethi yePhondo ngolutsha ngo-2005 yokuluphuhlisa ukuze lube ngabasebenzi abanezakhono (social capital development), ezi program zimele ukufundisa nokukhokela abafundi ekuhlonipheni isidima somntu zize zincede abafundi ukuba bazuze ulwazi, izakhono neemfundiso ezisisiseko sentlalo (values) abazifunayo ukwenzela ukuba babe nokudlala indima yabo ebalulekileyo kuluntu olulawulwa yidemokhrasi. Ezi program zisenokusetyenziselwa ukukhuthaza iimfundiso ezisisiseko zamaziko emfundo nezeSebe leMfundo leNtshona Koloni.
4. Okuqhotyoshelwe apha ziflaya zokuqala kuthotho oluza kulandela ozithunyelelwayo, neziza kulandelwa yibrowusha, ezinxulumene noSuku lwaMalungelo oLuntu nezingasetyenziswa njengesikhokelo sokucwangcisa ezi program.
5. Ukufumana enye ingcaciso, yiya kwiziko lethu lewebhu apha: Human Resource Development (http://www.hrd.wcape.gov.za)


ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:02:08

ziflaya  (ubukhulu: 36 KB)