INkulumbuso neKhabhinethi yePhondo leNtshona Koloni baqaphele imfuneko engamandla yophuhliso nophuculo lwabantu beli phondo, apho kuza kujoliswa ngakumbi kulutsha, njengeyona nto ephambili ngo-2005. Ukuhlangabezana noku, iSebe leMfundo leNtshona Koloni lizimisele ukwenza oku kulandelayo:

  • Ukuzama ukuqinisekisa ukuba bonke abafundi baqhubeka nemfundo yaye abaphumi phakathi esikolweni. Iprojekthi yeGEM iyinxalenye yale njongo.

  • Ukuququzelela iiNkampu zaMakhwenkwe (Boys Camps) njengenxalenye yeeprogram zokuwafundisa ukuba akhawuleze avakalelwe yimiba echaphazela ezesini

  • Ukukhuthaza amantombazana ukuba akhethe iMathemathika, iSayensi neThekhinoloji njengezifundo ezingundoqo zokuwanceda ekukhetheni amakhondo emisebenzi

  • Ukuvelisa iiprogram zokuhlangabezana nengxaki yokukhulelwa kolutsha olufikisayo

  • Ukuququzelela isiyunguma seGEM sephondo, esinkcukacha zaso zisaza kulandela

Njengoko nisazi, amakhwenkwe namantombazana amaninzi kweloMzantsi Afrika uphela ebethatha inxanxeba kwiphulo elibizwa ngokuba ‘Ndingumgcini kadadewethu’ (‘I am my sister’s keeper Campaign’), ukususela ekuqalweni kweprojekthi yeGEM ngo-2003, yaye baninzi abafundi abazuze lukhulu kungenelelo ngoncedo olwenziwe zezi nkokeli zilulutsha zizinikeleyo emsebenzini wazo. Siyathemba ukuba zenze umqela nakwisikolo sakho, o.k.t. ekusekeni iklabhu yeGEM, yaye nokuba abanye babo basengabafundi ababhalise apho esikolweni sakho yaye basaza kuqhubeka nale projekthi apho kuso.

Nakuba kunjalo, kukho iingxelo zokuba luya lusanda ulutsha oluyeka isikolo phakathi ngenxa yeemeko zezentlalo nezoqoqosho (socio-economic conditions). Kukho isicelo esivela kwiSebe leMfundo likaZwelonke esicela ukuba onke amaphondo acele izikolo, ingakumbi ezingamalungu eGEM, ukuba zikhuthaze bonke abafundi abacinga ngokuyeka isikolo phakathi ukuba baqhubeke nemfundo. Eli phulo ‘Ndingumgcini kadadewethu’ malisetyenziselwe ukuhlangabezana nale ngxaki. Ngako oko ke ziyabongozwa izikolo ezikwiPhondo leNtshona Koloni ukuba zithathele ingqalelo eyodwa ulutsha oluyeka phakathi esikolweni zize zenze iinzame zazo zokugcina abafundi beqhubeka nemfundo yabo.

ISebe leMfundo leNtshona Koloni liyazi ukuba uyintaba umthwalo wokufundisa osemagxeni ootitshala ezikolweni, kodwa liya kuyithakazelela kakhulu into yokuba isikolo sakho singayibeka phambili into yokuqinisekisa ukuba amakhwenkwe namantombazana asemngciphekweni wokuyeka esikolweni ayaqhubeka nemfundo yawo.

Sinqwenela ukusebenzisa eli thuba ukuba sininqwenelele unyaka ka-2005 onempumelelo noza kuniphatha kakuhle yaye sikwavakalisa ongazenzisiyo umbulelo kuni nonke ngeenzame zenu zokukhuthaza ukuqatshelwa kwemiba echaphazela ezesini (gender-related issues) ezikolweni zenu. Hlalani niqinisekile ngenkxaso yethu engasoze iphele kuzo zonke iiprojekthi neeprogram enizicwangcisele u-2005.



ISAYINWE: NGU-L. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:01:13