1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni likhuthaza zonke iintloko zezikolo, iikomiti zolawulo zezikolo, amabhunga olawulo ezikolo, ootitshala, abazali, nabafundi ukuba batyumbe ootitshala beMathematilka, iSayensi neThekhinoloji abasenkonzweni nabasele bethathe umhlala-phantsi kwezo ndawo bahlala kuzo ukwenzela ukuba bawongwe ngamaBhaso kaTitshala woNyaka kwiMathematilka, iSayensi neThekhinoloji.
2. Abaxhasi ngezimali abaphambili bale nkqubo yamabhaso neqaphela ize iwonge iintshatsheli ekufundiseni kwezi zifundo zibaluleke kangaka, ngu-The Telkom Fondation neSowetan.
3. Kucelwa uqaphele le ngcaciso ibalulekileyo ilandelayo malunga nenkqubo yokutyumba:
3.1 Kuqhotyoshelwe apha ifom yokutyumba ehamba kunye nale ngcaciso imfutshane. Iikopi ezifotokotshiweyo zale fom nazo ziya kwamkeleka.
3.2 Abatyunjwa mabatyunjwe ngokuthi bangenele olunye lwezi zintlu zintathu zilandelayo:
(i) Utitshala osenkonzweni: Isigaba seFET (AmaBakala 10 – 12)
(ii) Utitshala osenkonzweni: Isigaba seGET (AmaBakala 4 – 9)
(iii) Utitshala odla umhlala-phantsi
3.3 Kucelwa nincede niqinisekise ukuba ifom yokutyumba izaliswe ngokuchanekileyo. Niyabongozwa ukuba nincede ningashiyeleli naziphi na zinkcukacha.
3.4 Abatyumbi (nominators) mabalandele imiqathango yokutyumba ekwifom yokutyumba ukujongisisa ukuba ngaba umtyunjwa lowo uyazanelisa na iimfuno zale nkqubo yokuwongwa kusini na.
3.5 Umtyunjwa angangenisa iphothifoliyo kunye nefom yokutyumba, kodwa oku akuyomfuneko ekunokugwetywa ngayo kwi-EMDC. Nangona kunjalo, umtyunjwa ogqwesileyo kwi-EMDC noya kudlulela kumjikelo wokugqibela wephondo, uya kulindeleka ukuba alungise iphothifoliyo.
3.6 Umhla wokuvala ukungeniswa kwazo zonke iifom zokutyumba yi-28 Oktobha 2005. Iifom zokutyumba ezizaliswe zonke iinkcukacha mazithunyelwe kuMcebisi wezeKharityhulam oyiNtloko kwi-EMDC yakho ziphawulwe ngokucacileyo ngolu hlobo: “For the attention: The Chief Curriculum Advisor - Maths, Science and Technology Educator of the Year Awards 2005”.
4. Abatyunjwa bephondo abathathu abagqwesileyo baya kudlulela kumjikelo wokugqibela kuzwelonke noya kuqhutyelwa eRhawutini nge-26 Matshi 2006.
5. Kucelwa nijonge kumva wefom yokutyumba inkcazo ngamabhaso anokuthi awinwe kwinqanaba lephondo nakwinqanaba likazwelonke.
6. Ukufumana iinkcukacha ezingaphezulu, ningaqhagamshelana noMcebisi wezeKharityhulam kwiMathematika neSayensi kwi-EMDC yenu okanye noMquququzeleli wePhondo uGavin de Bruyn kule nombolo: 021 467 2575 okanye ngale dilesi ye-imeyili: gdebruyn@pgwc.gov.za
7. Iya kuthakazelelwa kakhulu inkxaso yenu noncedo lwenu ekuqapheleni nasekuvuzeni imigudu neenzame zootitshala.


ISAYINWE: NGU-E.D. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:09:06


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).