1. AMabhaso kaZwelonke okuWonga ooTitshala abonisa ukuthathelwa ingqalelo kokwenza umsebenzi ngokugqibeleleyo nenqanaba eliphezulu lobungcali emsebenzini yaye akwanika abo bakwimfundo ithuba lokuvuyela impumelelo yootitshala abamsebenzi uqaqambileyo. Ngaphezu koku aqaqambisa ngakumbi umsebenzi owodwa owenziwa ngootitshala ngokubanzi. Ngako oko ke, iSebe leMfundo leNtshona Koloni linebhongo ngokuba liza kubamba yaye liququzelele unikezelo lwala Mabhaso kaZwelonke okuWonga ooTitshala kweli phondo.
2. Ami ngolu hlobo lulandelayo amahlelo ahlukeneyo ala mabhaso:
Ukutshatshela Kuphuhliso Lwemfundo Yabantwana Abancinci
Ukutshatshela Ekufundiseni Kwizikolo Zaseprayimari
Ukutshatshela Ekufundiseni Kwizikole Zasesekondari
Ukutshatshela Kubunkokeli Kwinqanaba Laseprayimari
Ukutshatshela Kubunkokeli Kwinqanaba Lasesekondari
Ukutshatshela Ekufundiseni Abemfundo Eneemfuno Ezizodwa
Ukutshatshela Ekufundiseni Abemfundo Yabadala
Ibhaso Lokuphumelela Kwimfundo Yexesha Lonke Lokuphila
3. Kuya kubakho kwakhona namabhaso ayimali kwezo zikolo kufundisa kuzo abaphumelele bedityaniswe kunye, nakwezo baphumelele kwiphondo nakuzwelonke.
4. Bayacelwa bonke ootitshala ukuba bathathe inxaxheba kule nkqubo ngokuthi bangenise amagama abatyunjiweyo (iqhotyoshelwe imilinganiselo nefomathi) kwiinqununu zabo okanye kubaphathi bamaziko abo abaya kuthi bona bawathumele kumaziko olawulo nophuhliso lwemfundo (EMDCs) abo. Ukuba ufuna nayiphi na ingcaciso eyenye, qhagamshelana nomnye waba baququzeleli balandelayo:
 
South Cape/Karoo:      Fernholdt Galant                 028 713 2928
Breede River/Overberg: Edward Johannes and Japie Bailey 028 254 9173
West Coast/Winelands:  JA Mouton and Michael le Cordeur 022 482 1383
Metropole South:       Bernard Daniels and Karen Dudley 021 370 2000
Metropole East:        Philip Saunders and Nelson Mama  021 903 1729
Metropole North:       Martie Bekker                    021 938 3003
Metropole Central:     Alton Koense                     021 659 4375
5. Zinokukotshwa kwikhompyutha (downloaded) iifom zokutyumba amagama kunye nengcaciso eyenye ngokumalunga noku kweli ziko lewebhu leCandelo lezoPhuhliso lwaBasebenzi Human Resource Development
6. Kucelwa wazise bonke ootitshala bakho okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:04:05

Information Leaflet  (ubukhulu: 13 KB)