UMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, ka-1996 (uMthetho 108/1996) unika isiseko sokuqondwa ngokucacileyo kwamalungelo oluntu angundoqo. Ukwanika isikhokelo malunga nokusetyenziswa ngendlela ebonakalayo kwaloo malungelo kubomi bethu bemihla ngemihla. Ngokubhekiselele kula malungelo, ngokukodwa, ukukhuselwa kwamalungelo abafazi nabantwana, ayacelwa amaziko emfundo ukuba acwangcise aze enze iiprogram ezithile, kuqukwa iintlanganiso, iintetho, iingxoxo-mpikiswano, iindibano (assemblies) ezithile kunye neminye imisebenzi, ekhokelela ekubhiyozelweni koSuku lwaMalungelo oLuntu. Okuqhotyoshelwe apha ziflaya zokuqala kuthotho oluza kulandela ozithunyelelwayo, neziza kulandelwa yibrowusha, ezinxulumene noSuku lwaMalungelo oLuntu nezingasetyenziswa njengesikhokelo sokucwangcisa ezi program. Ukufumana enye ingcaciso, yiya kwiziko lethu lewebhu apha: http://www.hrd.wcape.school.za. ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE |