1. Ziyakhuthazwa kwakhona izikolo okanye izikolo ezisebenzisanayo ukuba zenze iiprogram neziganeko ezinge-HIV ne-AIDS ngenyanga kaSeptemba kulo nyaka.
2. UMphathiswa wePhondo, uCameron Dugmore, neNkulumbuso uRasool bagxininisa ukubaluleka kokukhuthazwa kokuhlala usempilweni entle nokudala izikolo nabahlali abanenkathalo ngabo bagulayo nabachatshazelwe yi-AIDS.
3. Ukuxhasa oku kulapha ngentla, izikolo, ootitshala nabafundi bayakhuthazwa ukuba bangajolisi kwiiprogram ze-HIV/AIDS nje kuphela ngoSeptemba, koko bazenze ezi program nezi zinto unyaka wonke, kude kufike uSuku lwe-AIDS kwiHlabathi liphela nge-1 kaDisemba.
4. Izikolo, izikolo ezisebenzisanayo nabahlali abangabazali, mababe neenjongo zokwenza oku kulandelayo:
  • Ukwenza kwaziwe ngakumbi ukwanda ngokugabadeleyo kwe-HIV ne-AIDS kwindawo esihlala kuzo baze banike ingcaciso echanekileyo ukunceda ukuthintela ukusasazeka kwayo yaye bathomalalise imbhuqe eyenzayo

  • Ukubonelela ithuba kootitshala nakubafundi lokuphuhlisa izakhono zokwazi ukunxibelelana nabanye abantu nezifunekayo ukuze kuliwe i-HIV/AIDS – ezifana nonxibelelwano, ukuthatyathwa kwezigqibo, ukuzithemba nobunkokeli koontanga

  • Ukulwa ucalu-calulo nokwenza isikolo sibe yindawo enenkathalo nenika inkxaso kumntu wonke

  • Ukukhuthaza iindlela zokucinga neemfundiso ezisisiseko sentlalo eziya kuthi zincede ekupheliseni ukusasazeka kwe-HIV ne-AIDS

  • Ukukhuthaza ukuziphatha ngekhathalo kwabafundi, kootitshala nabazali bazive benoxanduva ngabakwenzayo, ukuze kuthintelwe ukusasazeka kwe-HIV ne-AIDS

  • Ukwenza isicwangciso sezinto emazenziwe ezikolweni ukulwa i-HIV ne-AIDS

5. Izikolo okanye izikolo ezisebenzisanayo zingafikelela kwiinjongo zazo ngokumisela iiprogram ezibonisa isakhono sokwazi ukuvelisa (creative programmes) (Jonga uluhlu apha ngezantsi) kubafundi, kubazali nakootitshala. Iiprogram ezinjengezi aziyi kuphelela kwimisebenzi esekelwe kwikharityhulam kuphela; koko ziya kukhuthaza iiprogram ezisekekwe kwimisebenzi engaphaya kweyekharityhulam.
6. Oku kulandelayo kunokwenziwa zizikolo okanye zizikolo ezisebenzisanayo ngeNyanga ye-AIDS eZikolweni:
  • Umculo nokudlalwa kwemidlalwana yeqonga (drama)

  • Ukhuphiswano ngeephowusta

  • Ukwenza ikhalenda yesikolo enemiyalezo yenkuthazo

  • Imiboniso yeephowusta kwiindawo ezineevenkile ezindawonye kuloo ngingqi

  • Izithethi ezinika inkuthazo ezivela kwii-EMDC, kwiiklinikhi zengingqi, ii-NGOs, njl. njl.

  • Ukubonisa kwifoya yesikolo uMgaqo-nkqubo weSikolo we-AIDS kunye/okanye amaNyathelo okuza Kwenziwa

  • Ukunxibelelana neenkonzo zenkxaso nezemithombo yolwazi kwabo balapho esikolweni nabahlali abangqonge isikolo (school community)

  • Ukumisela ibhodi enika iingcebiso ngezempilo

  • Ukwenza uphando kubahlali ukujonga iimbono zolutsha malunga ne-HIV ne-AIDS, ukukhulelwa kolutsha olufikisayo, iziyobisi, njl. njl.

  • Iiprogram zokukhuthaza iindlela zokuhlala usempilweni entle nokuphila ngethemba

  • Ukwenza iikhwilithi (quilt making)

  • Ukwenza iiphazili (puzzles) njengezipho kubantwana abahlelelekileyo.

  • Ukwenza iiribhoni ze-AIDS

  • Iiprojekthi ezenziwa ngabahlali zokufikelela kubantwana, kwiintsapho nakubahlali abahlelelekileyo

7. Ukuba ufuna naluphi na uncedo xa uququzelela isiganeko okanye iprogram, nceda unxibelelane noMququzeleli wesikolo sakho we-HIV ne-AIDS okanye naba baququzeleli be-HIV ne-AIDS kwii-EMDC:
Metropole Central:       Lynne Herrmann   Tel. 021 659 4300  
Metropole South:         David Stephens   Tel. 021 370 2072
Metropole North:         Labeqa Abrahams  Tel. 021 938 3065
Metropole East:          Esmé Kleinveldt  Tel. 021 900 7024    
West Coast & Winelands:  Janine Kearns    Tel. 021 860 1200 
Breede River & Overberg: Alister Adonis   Tel. 023 348 4687  
South Cape & Karoo:      Lionel Pedro     Tel. 044 874 3130
8. Siya kuvuyiswa kukuthatha inxaxheba kwakho kwezi program ngeNyanga ye-AIDS eZikolweni.


ISAYINWE: NGU-M.J. THERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:08:03