1. Oku kulandelayo luluhlu oluneenyanga, iiveki neentsuku zokukhuthaza impilo entle. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zicwangcise imisebenzi yezifundo kunye/okanye izinto ezenziwa ngeeyure zasemva kokufundisa kunye nabahlali ngokunxulumene nale mihla ibalulekileyo yokuqatshelwa kwabakhubazekileyo.
Matshi            iNyanga yoKwazisa ngokuKhubazeka eNgqondweni
14-20 Matshi      iVeki yokuQatshelwa kokuSebenza kweNgqondo
4-10 Apreli       iVeki yokuQatshelwa kokuPheliswa kwePoliyo 
Meyi              iNyanga yeSistikhi Fayibrosisi
14 Meyi           uSuku lwaBongikazi lwaMazwe ngaMazwe
16-21 Meyi        iVeki yokuQatshelwa koNyango lwaBenzakele 
                  emSebenzini 
30 Meyi-4 Juni    iVeki yoKhuseleko lwaBantwana
20-26 Juni        iVeki yoKwazisa ngaBanesifo sokuXhuzula 
Julayi            iNyanga yokuQatshelwa kokuKhubazeka 
                  ngokwaseNgqondweni (ukugula ngengqondo)
29 Agasti-3 Sept  iVeki yokuQatshelwa kwaBagogeke aMalungu oMzimba. 
                  Umxholo:"Ukukhubazeka akuthethi kuthi akwazi kwenza nto"
                  ("Disability not Inability")
Septemba          iNyanga yoKwazisa ngoKufa kwaMalungu oMzimba
2 Septemba        uSuku lwaBakhubazeke eMzimbeni/ uSuku 
                  lokuNxiba eziPholileyo 
5-11 Septemba     iVeki yokuQatshelwa kwaBazizithulu
                  iVeki yoKwazisa ngeeNgxaki zoMqolo
9 Septemba        uSuku loKwazisa ngeSifo seeMveku 
                  eziZelwe ziKhubazeke buTywala(Foetal Alcohol Syndrome)
19-25 Septemba    iVeki yokuKhathalelwa kweRethina 
                  yaMehlo kuMazwe ngaMazwe
Oktobha           iNyanga yokuQatshelwa kweMpilo yeNgqondo
13 Oktobha        uSuku lokuQatshelwa kokuBona kwiHlabathi liphela 
10-14 Oktobha     iVeki yokuQatshelwa kokuKhathalelwa kwaMehlo
17-22 Oktobha     iVeki yokuQatshelwa kweDown Syndrome
14-19 Novemba     iVeki yoKwazisa ngeSifo seSwekile kwiZwelonke
3 Disemba         uSuku lokuQatshelwa kwaBakhubazekileyo 
                  lwaMazwe ngaMazwe
2. Kucelwa wazise bonke ootitshala nabafundi ngale mihla ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-F.A. BOOYSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:01:24