1. Apha ngasezantsi kukho uluhlu oluneenyanga, iiveki neentsuku zokukhuthaza impilo entle.
2. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zikhethe kwaye zizithathele ingqalelo ngokuthi zizibeke phambili ezinye zezi ziganeko zibalulekileyo zokuqatshelwa nokukhuthaza impilo entle, nokuba zicwangcise imisebenzi enxulumene neeprogram zezi nkalo zezifundo, iZifundo ngezoBomi, iiSayensi zeNdalo okanye ezoBugcisa neNkcubeko, kunye/okanye izinto ezenziwa ngeeyure zasemva kokufundisa kunye nabahlali (extra-curricular community-based activities).
3. Apho kusebenzayo oku, imixholo kazwelonke okanye yephondo iboniswe ngombhalo okekeleyo.

30 Januwari       uSuku lwaBagula liQhenqa kwiHlabathi liphela
Februwari         iNyanga yokuQatshelwa kweZifo zoTyatyazo
5 Februwari       uSuku loKwazisa ngoMhlaza lwaMazwe ngaMazwe
12-20 Februwari   iVeki yokuFundisa ngezokuKhulelwa
20-26 Februwari   iVeki yokuThintelwa kokuZibulala koLutsha oluFikisayo
Matshi            iNyanga yokuQatshelwa kokuKhubazeka ngeNgqondo
7-11 Matshi       iVeki yokuThintelwa kokuKhulelwa
14-20 Matshi      iVeki yoKwazisa ngokuSebenza kweNgqondo
24 Matshi         uSuku lweSifo sePhepha kwiHlabathi liphela
4-10 Apreli       iVeki lokuQatshelwa kokuPheliswa kwePoliyo
7 Apreli          uSuku lwezeMpilo kwiHlabathi liphela
                  Umxholo:"IMpilo kaMama neyoSana"
17 Apreli         uSuku lweHemofiliya kwiHlabathi liphela
Meyi              iNyanga yokuQatshelwa kweSistikhi Fayibrosisi
                  iNyanga yokuChasa ukuSetyenziswa kweCuba
1 Meyi            uSuku lwaBantwana lwaMazwe ngaMazwe
3 Meyi            uSuku lokuQatshelwa koMbefu kwiHlabathi liphela
31 Meyi           uSuku lokuthi Phantsi ngeCuba kwiHlabathi liphela
30 Meyi-4 Juni    iVeki yoKhuseleko lwaBantwana
Juni              iNyanga yoKhuseleko lwaBantwana 
                  Umxholo: "Ukwakha uluntu olukhusela abantwana”
13-19 Juni        iVeki yeNgcaciso ngezeMpilo
20-26 Juni        iVeki yoKwazisa ngeSifo soKuwa kwiZwelonke
26 Juni           uSuku loKwazisa ngoSetyenziso
                  gwenxa lweZiyobisi lwaMazwe ngaMazwe
Julayi            iNyanga yokuQatshelwa kokuKhubazeka 
                  ngokwaseNgqondweni (ukugula ngengqondo)
Agasti            iNyanga yoCoceko loMlomo
1-7 Agasti        iVeki yokuQatshelwa kokuGonyelwa 
                  iZifo kwiZwelonke
15-19 Agasti      iVeki yokuKhuthazwa kwezeMpilo eZikolweni
                  Umxholo: "Iminyaka eli-10 ye-HPS"
29 Agasti-3 Sept  iVeki yokuQatshelwa kwaBagogeke aMalungu oMzimba
Septemba          iNyanga yokuQatshelwa kweSifo seNtliziyo
                  iNyanga yoKwazisa nge-AIDS ezikolweni
2 Septemba        uSuku lokuNxiba eziPholileyo
                  (ukuQaphela aBakhubazeke eMzimbeni)
5-11 Septemba     iVeki yokuQatshelwa kwaBazizithulu
9 Septemba        uSuku lokuQatshelwa kweeMveku 
                  eziKhubazeke buTywala
19-25 Septemba    iVeki yokwazisa ngeRethina yaMehlo
                  kuMazwe ngaMazwe
25 Septemba       uSuku loKwazisa ngeSifo seNtliziyo
Oktobha           iNyanga yokuQatshelwa kweMpilo yeNgqondo
9-15 Oktobha      iVeki yoKwazisa ngoKutya okuneZondlo kwiZwelonke
16 Octobha        uSuku loKwazisa ngoKutya kwiHlabathi liphela
10-14 Oktobha     iVeki yoKwazisa ngokuKhathalelwa kwaMehlo
17-23 Oktobha     iVeki yokuQatshelwa kweNgxaki yokuTyeba kakhulu
17-22 Oktobha     iVeki yokuQatshelwa kweDown’s  Syndrome
5 Novemba         uSuku lwaBantwana kwiZwelonke
14 Novemba        uSuku loKwazisa ngeSifo seSwekile
                  kwiHlabathi liphela
19 Novemba        uSuku lokuThintela iMpatho-mbi nokungaHoywa 
                  kwaBantwana kwiHlabathi liphela
1 Disemba         uSuku lokuQatshelwa kwe-AIDS kwiHlabathi liphela
3 Disemba         uSuku lokuQatshelwa kwaBantu 
                  aBakhubazekileyo lwaMazwe ngaMazwe
4. Kucelwa wazise bonke ootitshala nabafundi ngale mihla ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-F.A. BOOYSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:01:24