A. IZATIFIKETHI ZOKUTSHINTSHELA KWESINYE ISIKOLO
1. Konke ukutshintsha kwabafundi kwiziko ledatha i-CEMIS kuya kugunyaziswa kuze kuvunywe ngokusemthethweni kuphela ngokuthi kusetyenziswe isatifikethi esimiselweyo sokutshintshela kwesinye isikolo (standardised transfer certificate).
2. Isatifikethi se-CEMIS sokutshintshela kwesinye isikolo sinoku kulandelayo:
2.1 Ukutshintsha: UkuPhuma okanye ukuKhutshwa kubhaliso (Out or Deregistration) kwicandelo lokuqala lesatifikethi kuzaliswa yinqununu okanye ligosa elidluliselwe amagunya (delegated official). Eli candelo lokuqala lisayinwa yinqununu.
2.2 Ukutshintsha: UkuNgena okanye ukuBhalisa Kwakhona (In or Reregistration) kwicandelo lesibini kulawulwa yinjongo esisetyenziselwe yona isatifikethi kwicandelo lokuqala. Ukutshintsha: UkuNgena komfundi (In section) kuzaliswa sisikolo esamkela umfundi kuze kusayinwe yinqununu yaso.
3. Ukuzaliswa kwesatifikethi
3.1 Esi satifikethi singazaliswa ngokusifaka kwiprinta size siprintwe ngqo kwiziko ledatha le-ONLINE CEMIS emva kokuba utshintsho lomfundi lufakwe kwikhompyutha ene-intanethi (online); okanye
3.2 Esi satifikethi sinokuzaliswa ngesandla, ekuya kuthi ke kuloo meko olo tshintsho lomfundi lufakwe kwikhompyutha ene-intanethi kamva.
4. Emva kokuphethwa kokufakwa kweenkqubo zokupasa (promotions) nezokuqhubela phambili kwabafundi (progressions) kwiziko ledatha i-CEMIS, bonke abafundi abatshintshela kwesinye isikolo mabanikwe isatifikethi sokuKhutshwa kuBhaliso (Transfer: Out certificate) ukwenzela ukuba babe nokutshintshela kwisikolo esitsha. (Nceda ungabaniki abafundi beBakala 12 iZatifikethi zokuTshintshela kwesinye isikolo (Transfer Certificates).
5. Ukhuseleko lwezi zatifikethi zaseburhulumenteni
5.1 Ukwenziwa kwezatifikethi zokutshintshela kwesinye isikolo kudibanisa iimpawu ezikumatshini zokhuseleko (security features) ukuphelisa ukwenziwa kweekopi zenkohliso. Kuphela ziikopi zentsusa (originals) eziya kwamkelwa xa abafundi betshintsha izikolo.
5.2 Izatifikethi zineenombolo yaye isikolo ngasinye sinikwe iinombolo ezithile ezinokulandelwa umkhondo wazo kuyofikwa kwisikolo esasikhuphe isatifikethi eso. Nasiphi na isatifikethi singaqhagamshelwa ngqo nesikolo esithile.
5.3 Kulindeleke ukuba inqununu iqinisekise ukuba izatifikethi zigcinwa ngokunqatyisiweyo phambi kokuba zikhutshwe. Emva kokukhutshwa kwesatifikethi saza safakwa kwiziko ledatha i-CEMIS, kuya kubakho irekhodi kunye nembali ngefom leyo.
5.4 Isikolo esamkela umfundi kufuneka sigcine ngokunqatyisiweyo isatifikethi sokuNgena eSikolweni (Transfer: In certificate) esizaliswe zonke iinkcukacha kwirekhodi ekufanele ibe nokufumaneka ukulungiselela uphicotho (auditing) nanini na.
6. Ngokumalunga nayo nayiphi na imibuzo ephathelele kusetyenziso nokugcinwa ngokunqatyisiweyo kwezatifikethi zokutshintshela kwabafundi kwezinye izikolo, qhagamshelana neCandelo: loPhando lwezeMfundo, (Education Research), A. Noordien apha 021 467 2289.

B. IIFOM ZOBHALISO
1. Iifom zobhaliso zisetyenziselwa ukubhalisa abafundi abangekabhaliswa kwi-CEMIS. Abafundi ABABHALISA OKOKUQALA NGQA ikakhulu ngabafundi bepri-prayimari, abafundi beBakala 1 abangazange bayifumane iprogram yepri-prayimari, abafundi abasuka kwelinye iphondo, okanye abafundi ababengafundi kwizikolo zikarhulumente ngo-2005 nabankcukacha zabo zingekafakwa kwiziko ledatha i-CEMIS.
2. Kucelwa uncede uqinisekise ukuba abafundi abenza izicelo zobhaliso olutsha babengabhaliswa-nga kwesinye isikolo ngokufuna isatifikethi sokutshintshelwa kwesinye isikolo. (Akukho mfundi obekwisikolo sikarhulumente esiqhelekileyo ngo-2005 uya kubhaliswa kwakhona kwi-CEMIS ngaphandle kweSatifikethi sokuTshintshela kwesinye isikolo sentsusa (original) esivela kwisikolo ebekuso.)
3. Nceda wenze iikopi zezi fom ukuba ufuna iifom ezingaphezu kwezo uzinikiweyo.
4. Nceda uzalise ifom phambi kokuba kufakwe umfundi kwi-CEMIS off-line okanye kwi-online software.
5. Ifom esayiniweyo nezaliswe zonke iinkcukacha ngokufanelekileyo mayifakwe efayilini kwipothifoliyo yezolawulo lwesikolo yomfundi. Ezi fom zinokucelwa ngexesha lophicotho lwamanani abafundi (learner number audits).
6. AMANQAKWANA anxulumene nokuzaliswa kwezi fom
6.1 Ukuba idilesi asiyodilesi yesitrato, bhala ke ngoko igama elifanelekileyo, umz. PLOT, FARM, FLAT, ecaleni ko-8a.
6.2 Umbuzo 11 ukunika ilungelo lokukhetha u-11 ofumaneka kwisistim yekhompyutha ene-intanethi. Ukuba ufaka izicelo kwisistim yekhompyutha engenanxibelelwano ne-intanethi, sebenzisa ngoko umgaqo owasetyenziswa ngexesha lokufakwa kweenkcukacha zobalo-manani lwabafundi (census capture), owawufuna kufakwe u-10, uze emva koko ubhale unobumba H kumgca ongezantsi.
6.3 Umbuzo 22 ukunika ilungelo lokukhetha u-16=ochaza ukuba akafakwanga kwisistim ye-intanethi ukubonisa ukuba umfundi akakhubazekanga. Kwisistim engaqhagamshelananga ne-intanethi, lo mbuzo ushiywa kungabhalwanga nto ecaleni kwawo.
6.4 Umbuzo 26. Kwenziwe amalungiselelo kwisistim ye-intanethi kwimeko apho umfundi anolwimi lwenkobe olungaphezu kolunye. Ukuba umfundi ukhethe ulwimi lwesibini njengolwimi lwenkobe, bhala kuphela ikhowudi yesifundo kwiibloko ezimbini kwicala lasekunene emgceni. Isistim engaqhagamselwanga kwi-intanethi isebenzisa indlela efanayo naleyo yasetyenziswa kwixesha lenkqubo yobalo lwabafundi (census) ngo-2005.

Enkosi ngentsebenziswano nenyameko yakho. Ukuqaliswa ngempumelelo kwale nkqubo intsha bekungekhe kwaqhubeka ngaphandle kwentsebenziswano neengcebiso zakho. Sifanele ukuba sibone ngokukhawuleza ezinye zezinto eziyinzuzo le nkqubo eyenzelwe zona zokuba inike inkonzo kubo bonke abakwinkqubo yemfundo.

Ukuba unayo nayiphi na imibuzo, nceda uqhagamshelane nommeli wakho we-CEMIS wengingqi okanye neCandelo loPhando lwezeMfundo apha 021 467 2290 okanye 021 467 2289.



ISAYINWE: NGU-P. PRESENT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:11:18