1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni livelise iSistim yoLawulo lweNgcaciso ngezeMfundo (Education Management Information System) eya kuthi, phakathi kwezinye izinto, ibe nako ukulandela abafundi nootitshala ngethuba bengena kwisistim, bengaphakathi kwisistim naxa bephuma kwisistim, ize kwakhona ibe nengcaciso ngomfundi ngamnye notitshala ngamnye neya kuthi imana ukuhlaziywa qho ngengcaciso entsha. Ekuqaleni le nkqubo iya kusetyenziswa kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nezikolo ze-ELSEN.
2. Le sistim iya kuqaliswa ukwaziswa eluntwini ngoJulayi 2005.
3. Inkqubo yokuqokelela iinkcukacha esetyenziswayo ngoku ibangela inkxamleko enkulu yaye ichitha ixesha elininzi ikwabangela zonke iintlobo zokufakwa kwengcaciso engachanekanga. Olu tshintsho lwesistim ye-elekhtronikhi yokuqokelela ingcaciso luza kunceda ekupheliseni uninzi lwemisebenzi yokuqokelela iinkcukacha edinayo, esebenzisa kakhulu nenenkcitho enkulu yezibonelelo (resource-consuming) kwizikolo nakwaNdlunkulu. Ukuqaliswa kwale sistim ye-elekhtronikhi kuza kwenza kuzuzwe lukhulu ngenxa yezisombululo ezisoloko zizalwa lusetyenziso lwamaziko ewebhu ekhompyutha.
4. Iinkcukacha ekuqinisekiweyo ngazo ziya kukhuthaza kwakhona ukubonelelwa ngeyona ndlela ikhawulezayo yezibonelelo zezemfundo nabasebenzi ezikolweni yaye inciphise umthwalo onzima womsebenzi wezolawulo ezikolweni.
5. Izikolo nee-EMDC ziza kwaziswa ngokupheleleyo ngohlobo nendlela esebenza ngayo le sistim ye-CEMIS ngethuba lemiboniso eza kuqhutywa esidlangalaleni kwiindawo ngendawo eya kuqala nge-25 Julayi 2005. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liqeshe le ndibaniselwano yamaqumrhu angumboneleli-nkonzo wangaphandle, Deloitte and SAB&T, ukuba alawule ukuqokelelwa kweenkcukacha zabo bonke abafundi nootitshala. Ezi nkcukacha ziza kufakwa kwiziko leenkcukacha elilawulwa kwindawo enye (central database). Izikolo ziya kwazana nalo mboneleli-nkonzo ngethuba lale miboniso yasesidlangalaleni zize zinikwe iincwadana eziyimfuneko.
6. Ingcaciso ngomfundi ngamnye notitshala ngamnye iya kugqityezelwa ngeefom zobalo-bantu (census forms) oluya kwenziwa kube kanye qwaba noluya kuba bubungqina obubhaliweyo. Ukuqokelelwa kwale ngcaciso kuya kulawulwa sisikolo nangumboneleli-nkonzo. Kuya kusetyenziswa isisombululo se-software ekwikhompyutha ezimeleyo (offline software solution) ukutshintsha ingcaciso ibe kwifomathi ye-elekhtronikhi ize ifakwe kwiziko leenkcukacha. Zonke iinkcukacha ezingabafundi nootitshala kumele ukuba zibe sele zikwiziko leenkcukacha elilawulwa kwindawo enye ngo-Oktobha 2005.
7. Emva kweziphumo zabafundi zokuphela konyaka abafundi baya kufakwa kwihlelo lwabo bapasileyo abaya kwibakala elilandelayo okanye kwihlelo lwabo baza kuphinda kwa elo bakala linye. Abafundi besikolo abangasaqhubekekiyo nesikolo (Abo bafundi bangeyonxalenye yabo bapasileyo okanye abatshonileyo) baya kukhutshwa kwirekhodi yesikolo. Luya kuba ngaloo ndlela lugqityiwe ubalo aze umfundi ngamnye anikwe inombolo yesalathiso eyiyeyakhe yedwa ye-WCED neya kugcinwa iyeyakhe de umfundi aphume kwisistim.
8. Ukususela ngoJanuwari 2006 ukuya phambili nayiphi na intshukumo yomfundi kwisistim, iya kulawulwa yinkqubo yeefom zokungena okokuqala okanye yeefom zokutshintshelwa kwesinye isikolo okuya kurekhodwa kwi-CEMIS.
9. Ukusebenza ngendlela eyiyo kwale CEMIS kuya kuxhomekeka ikakhulu kwiinqununu nakwabo bantu badluliselwe amagunya njengabalawuli besikolo (delegated school administrators). Kubaluleke ngokukodwa ke ngoko ukuba izikolo ziyiqonde ncam inkqubo ye-CEMIS zize ziyisebenzise ngokuchanekileyo kwasekuqaleni yaye ziyigcine isebenza ngendlela emiselweyo.
10. Kuza kufuneka kubekho intsebenziswano enkulu nexananazileyo phakathi kolawulo lwesikolo, umphathi wesekethe nabalawuli be-CEMIS kwaNdlunkulu.
11. Iprogram yemiboniso yasesidlangaleleni
No.IxeshaIzinto ezikwiprpgramIsithethi
1.30 imizuzuUbhalisoUmlawuli wakwa-Deloitte
2.10 imizuzuUkwamkelwa nokwaziswa
kwabantu
UMlawuli we-EMDC
3.50 imizuzuUmboniso – Imfuneko yayo
nohlobo elulo isistim entsha
UMlawuli weZibonelelo zeMfundo
4.30 imizuzuIndlela esebenza ngayo
ukuqokelela iinkcukacha
U-Deloitte
5.60 imizuzuUkunikwa kweephakheji
nokwabelana ngolwazi
U-Deloitte
6.20 imizuzuUkuvalwaUmphathi wesekethe/ICT

12. Sinqwenela ukubulela bonke abathathi-nxaxheba ngokwenza imisebenzi yabo baze bathi ngaloo ndlela bavelise inkqubo yolawulo eza kwenza kuzuzwe lukhulu ngabo bonke abajongene nemfundo.


ISAYINWE: NGU-P. PRESENT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:07:14