1. Ukuqaliswa ngempumelelo kweNkqubo yoLawulo loMgangatho eBanzi (Integrated Quality Management System (IQMS)) eNtshona Koloni kubangelwe ikakhulu yintsebenziswano entle eye yaboniswa ziinqununu, ngabasebenzi bezithili nangootitshala.
2. I-IQMS mayingabonwa njengento yokongeza kwimisebenzi yesiqhelo yesikolo. Isisixhobo sokuhlanganisa zonke iinkqubo zokuphucula wonke umgangatho kwiziko lemfundo elo, kwaye mayisetyenziselwe ukukhuthaza oku.
3.

Ukuqhutywa kwezi nkqubo zovavanyo lokujonga ulwazi (summative evaluations) kwenziwa ngokupheleleyo ngoku. Le ngcaciso yenzelwe ukuba ikwazise ngamaxesha abekiweyo esigaba sokugqibela somjikelo we-IQMS:

  UmsebenziIMIHLA
1.


2.


3.


4.

4.1

4.2

4.3

Uvavanyo lokujonga ulwazi


Ukuqhubeka nophuhliso nokunika inkxaso ootitshala kumsebenzi wokufundisa

Ukumodareyithwa kwamanqaku xa ewonke okwenziwa liziko lemfundo

Ukungeniswa kwamaxwebhu kumququzeleli we-IQMS:

Ishithi yamanqaku onke asisishwankathelo esihlanganisa konke

Ishithi yamanqaku xa ewonke katitshala

Isicwangciso sokuphucula isikolo

16 Agasti - 15 Novemba 2005

Okokoko


16 - 25 Novemba 2005


30 Novemba 2005

30 Novemba 2005

30 Novemba 2005

30 Novemba 2005

Inqununu yeziko ngalinye eliphantsi kolawulo lwe-WCED inoxanduva lokuqinisekisa ukuba lungeniswa kumququzeleli we-IQMS ngale mihla iboniswe ngentla apha uxwebhu olusisishwankathelo lwawo onke amanqaku ootitshala bonke beziko elo nabahlawulwa liSebe i-WCED.
4. Le thempleyithi eqhotyoshelweyo eyi- “Summary Composite Score Sheet” (Izihlomelo A & B) mayisetyenziselwe ukurekhoda amanqaku xa ewonke abo bonke ootitshala abahlawulwa yi-WCED kwiziko ngalinye. Inkcazo ecacisa ukuzaliswa kweethemplethi iqhotyoshelwe kwisiHlomelo C.
5. Nceda ukhumbuze bonke ootitshala bamaziko ukuba uchatha kwimivuzo ngoJulayi 2006 uya kususela kula maxwebhu azi-summative evaluation scores angeniswe ngo-2005. Nakuphi na ke ukulibazisa kuya kubambezela ukuphunyezwa kochatha kwimivuzo.
6. Apho ootitshala balayo ukuthobela iimfuneko zale mvumelwano Collective Agreement 8 of 2003  ("pdf", ubukhulu: 971 KB) (ngokuphathelele ekunconyweni kwentsebenzo) kuya kusetyenziswa imiqathango emalunga nokuthathwa kwenyathelo loluleko.
7. Ukuba ngaba unayo nayiphi na imibuzo ngokubhekiselele kwinkqubo yovavanyo lokujonga ulwazi, nceda ujonge kwisiCwangciso soLawulo (Management Plan) nakuMhlathi E11 kwincwadana yemigaqo yoqeqesho. Ungaqhagamshelwana nabaququzeleli be-IQMS ukuba ufuna ukuncedwa.
8. Iya kuthakazelewa intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-LJ ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:10:07

Izihlomelo A  (ubukhulu: 18 KB)
Izihlomelo B  (ubukhulu: 18 KB)
Izihlomelo C  (ubukhulu: 20 KB)