1. Ukuphunyezwa kwe-IQMS njengangoku kukumjikelo wako wokuqala wonyaka kwaye sele zigqityiwe iimvavanyo zokwandlalela. Ngoku sikwisiGaba soPhuhliso.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (i-WCED) liyaqhubeka okokoko ngoqeqesho kwezemfundo kootitshala abasenkonzweni nakwezinye iinkqubo zophuhliso kwiphondo liphela. Uqeqesho nokungenelela ngoncedo ukuphuhlisa izakhono kootitshala zixhomekeke ikakhulu ekungenisweni kwesicwangciso sokuphucula isikolo (school improvement plan (SIP)) kumphathi wesekethe.
3. Kunyanzelekile ukuba zonke izicwangciso ze-SIP ezingekangeniswa namanqaku ovavanyo lokwandlalela zingeniswe ngokukhawuleza, kwaye bayabongozwa kakhulu abaphathi beesekethe neenqununu ukuba bayibeke ekuqaleni le nkqubo kwizinto abaza kuzenza. Ukulibaziseka kwale nkqubo kuya kuchaphazela izicwangciso ezizodwa zophuhliso nenkxaso eziza kubonelelwa izikolweni ezichaphazelekayo. Mayigxininiswe kwakhona into yokuba ayizizo zonke izicwangciso zenkxaso nophuhliso eziluxanduva lwe-EMDC. Esikolweni, ikomiti yophuhliso lootitshala (SDT), kufuneka, xa inolwazi lobungcali nezakhono, nayo ithwale uxanduva lokuxhasa iphuhlise ootitshala.
4. Ii-SDT nazo ziyacetyiswa ukuba zigqibezele isicwangciso esibanzi sovavanyo lokujonga ulwazi nesiya kugqitywa ekuqaleni kwekota yesine. Iimvavanyo zokujonga ulwazi mazingaphazamisi ukuqhutywa kweeMviwo zeMatriki nemisebenzi efanayo yovavanyo ezikolweni kwaye makwenziwe ucwangciso lokwenene ngokumalunga noku. Ootitshala abafundisa amaBakala 9 - 12 mabavavanywe ngokuthi kuqwalaselwe izifundo abalungiselele ukuzifundisa phambi kokuba abafundi babo baqalise ngeemviwo zokugqibela. Kungathethwa nabaququzeleli be-IQMS kwii-EMDC ukuba banike inkxaso ngokumalunga noku.
5. Ziyakhunjuzwa kwakhona iinqununu ukuba, ngokweemfuneko zeSigqibo 8 sika-2003 (IQMS), kufuneka zifundise. ISebe i-WCED beliqhagamshelene neSebe leMfundo likazwelonke (DoE) ngalo mba njengoko kuye kwafunyanwa imibuzo emininzi malunga nokufundisa kweenqununu. Lo mcimbi uyaqwalaselwa kwinqanaba likazwelonke.
6. Kubalulekile ukuba bonke ootitshala abasezikolweni abaqeshwe liSebe i-WCED bahambe kanye ngqo ngokwesi sigqibo silawula i-IQMS. Ukungaphumeleli ukusiphumeza nokulandela kanye ngqo esi sicwangciso solawulo, esamkelweyo yiKomiti yoQeqesho yePhondo, kuya kubangela ukuthathwa kwamanyathelo oluleko aqatha. Abaphathi beesekethe banoxanduva lokubeka esweni ukuphunyezwa kwe-IQMS kwiisekethe zabo kwaye mabazixele izenzo ezitenxileyo (irregularities) kumlawuli we-EMDC.
7. Ngokubhekiselele kunyuselo lwemivuzo nge 1 Julayi 2005, silindele umyalelo karhulumente ovela kwi-DoE, ekuxoxwa kunye nayo ngalo mba.
8. Kwakhona sinqwenela ukubulela ezo zikolo zigqibe iimvavanyo zazo zokwandlalela zaza zangenisa ii-SIP zazo ngokwesicwangciso solawulo se-IQMS. Zinconywa kakhulu ngokuzimisela kwazo ekusebenziseni izixhobo ezinamandla ze-IQMS ngenjongo yokuphucula ukufundisa nokufunda.
9. Nceda wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kolu xwebhu ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:08:01

IQMS Score Sheet  (ubukhulu: 69 KB)