2. |
NgokoMgaqo oKhokela iNkqubo yeZikhuthazi (Incentive Policy Framework) kula manqanaba emivuzo 1 - 12, bonke abaqeshwa abakula manqanaba baselungelweni lokufumana ucatha kwimivuzo ukuya kutsho kweyona notshi iphezulu yenqanaba lomvuzo wezikhundla zabo ngokuxhomekeka ekubeni
(a) |
bagqibe unyaka besenkonzweni engakhange iqhawuke kuloo notshi yabo (enxulumene nomsebenzi wabo) ngomhla wama-31 Matshi ngaloo nyaka; yaye
|
|
3. |
Ukwenzela ukuqinisekisa ukuba uyenziwa ucatha kwimivuzo ngoJualyi 2005, ngokumalunga nabo bonke abasebenzi benkonzo karhulumente abaselungelweni lokumfumana, mazibancede iisuphavayiza/ abaphathi mabacandelo bangenise la maxwebhu alandelayo nekufuneka abe azaliswe ngokubonisana nomsebenzi ngamnye ofanelekileyo:
|
3.1 |
ISicwangciso seNtsebenzo soMntu ngaMnye (Individual Performance Plan (Isihlomelo A)
|
3.2 |
ISicwangciso soPhuhliso soMntu ngaMnye (Individual Development Plan (Isihlomelo B))
|
3.3 |
IZixhobo zokuHlolwa kweNtsebenzo (Performance Review Instruments) ezibini (Isihlomelo C) ngethuba elisusela kowoku-1 Oktobha 2004 ukuya kutsho kowe-31 Matshi 2005
|
3.4 |
ISixhobo zoVavanyo lweNtsebenzo (Appraisal Instrument) (Isihlomelo D) ngokumalunga nethuba elisusela kowoku-1 Apreli 2004 ukuya kutsho kowe-31 Matshi 2005
|
4. |
Makungeniswe irekhodi yeziganeko ezibalulekileyo okanye ingxelo emfutshane exhasayo ehamba kunye namaxwebhu omqeshwa ngamnye ohlelo lwakhe lulonke lungu-4 okanye 5 okanye lungaphantsi kuka-3.
|
5. |
Umqeshwa ohlelo lwakhe lulonke lungu-4 okanye 5 akanako ukufumana ngaphantsi kuka-3 kuzo naziphi na iziphumo zentsebenzo yakhe.
|
6. |
Kukwafunwa iSicwangciso soPhuhliso lweNtsebenzo (Performance Improvement Plan) ngokumalunga nomqeshwa ngamnye ohlelo lwakhe lulonke lungu-2.
|
7. |
Zonke iZihlomelo A – E ezikhankanywe apha ngasentla, zizaliswe zonke iinkcukacha zaza zasayinwa kunye nawo nawaphi na amaxwebhu axhasayo, mazingeniswe ukuze ziqwalaselwe liGosa loLawulo lweNtsebenzo, leCandelo loLawulo lwaBasebenzi (beNkonzo kaRhulumente) elikweli gumbi Room 10-11, Performance Management Officer, Directorate: Personnel Management (Public Service Staff), Room 10-11, Western Cape Education Department, Private Bag X9114, Cape Town, 8000, ungekadluli umhla wama-31 Julayi 2005. Akukho mfuneko yokuphinda kungeniswe naziphi na izihlomelo ezizaliswe iinkcukacha ukuba zasele zingenisiwe.
|
8. |
Lo ngunyaka wokuqala wokuba kwenziwe ucatha kwimivuzo emva kokugqitywa kovavanyo olupheleleyo lwentsebenzo yabasebenzi ngokwe-SPMDS. Akukho catha womvuzo uya kuhlawulwa ngokumalunga nabasebenzi benkonzo karhulumente abangalwenziwanga uvavanyo lwe-SPMDS ngokupheleleyo.
|
9. |
Nayiphi na eminye imibuzo malunga nalo catha kwimivuzo ingabhekiswa kwiZiko leeFoni leSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED’s Call Centre) kwinombolo yefoni enikwe apha ngasentla okanye kula magosa akwaNdlunkulu alandelayo:
B Bestenbier Ifoni 021 467 2433 idilesi ye-imeyili:
bbestenbier@pgwc.gov.za
WVC Klein Ifoni 021 467 2431 idilesi ye-imeyili:
wklein@pgwc.gov.za
RT Manasse Ifoni 021 467 2426 idilesi ye-imeyili:
tmanasa@pgwc.gov.za
|
10. |
Nceda wazise okubhalwe kule setyhula bonke abasebenzi benkonzo karhulumente abaphantsi kolawulo lwakho ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:07:05
|