1. ICandelo: LezoLawulo lwaBasebenzi (beNkonzo kaRhulumente) (The Directorate: Personnel Management (Public Service) lifumana izicelo ezininzi ezicela ukwenziwa kweeseshoni zokunika ingcaciso ngeemeko zengqesho zabasebenzi ezichaphazelekayo yaye kubonakala ngathi lunqongophele ulwazi, ngakumbi ngokumalunga nekhefu.
2. Njengoko ezi zicelo zifika nanini na kwakubakho imfuneko yokulungisa imeko ekhoyo ngelo xesha (ad hoc basis) yaye zidla ngokufuna impendulo emayinikwe ngexesha elifutshane kakhulu, ukususela ngomhla woku-1 Januwari 2005 izicelo zokufuna ukwenzelwa iiseshoni zengcaciso ziya kuqwalaselwa ngokuthi kulandelwa esi sikhokelo silandelayo:
2.1 Makuboniswe kwisicelo eso abo baza kuza kwiseshoni yengcaciso, apho kunokwenzeka oku, mababe liqela leenqununu okanye labasebenzi besekethe ethile okanye labasebenzi abavela kwiqela leesekethe, njl. njl. nokuba ngaba kuya kubakho abamele imibutho yabasebenzi kusini na. I-Ofisi yezaBasebenzi ayinako ukuya ezikolweni ngazinye okokoko.
2.2 Makucaciswe naloo mfuno ithile, ngamanye amazwi, ngaba kufuneka iseshoni, ukwenza umzekelo, inike ingcaciso ngekhefu, okanye ngomhlala-phantsi okanye ngamalungelo ezibonelelo zezindlu okanye kufuneka idibanise izinto ngezinto ezingeemeko zengqesho.
2.3 Makuxelwe indawo kanye apho iya kuqhutyelwa khona nexesha ngqo lokuqhutywa kwayo.
2.4 Ukulungiselela iinjongo zokwenza amalungiselelo, izicelo mazingeniswe zibhaliwe kwiOfisi yezaBasebenzi (Personnel Office) ubuncinane kwinyanga enye phambi komhla ocetywayo wokunika ingcaciso.
3. Ziyacelwa iintloko zamaziko emfundo kunye nabasebenzi abakwii-EMDC ukuba bancede bonke babe nentsebenziswano ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-W.T. WILKINSON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:01:17