1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lifumana uthotho lwemibuzo ngokubhekiselele ekusetyenzisweni kwenkqubo evunyiweyo yolwabiwo lwezithuba kubasebenzi (personnel provisioning model (PPM) ngokumalunga nabasebenzi beNkonzo kaRhulumente abakwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo. Inkqubo yePPM esebenzayo ngoku nesetyenziswa kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo, yamiselwa kwiSetyhula 0017/2000 ye-3 Septemba 2000, nekufuneka ukuba ifundwe nale setyhula. Ukunenzela lula i-PPM iqhotyoshelwe apha. Ukuze kunikwe ingcaciso ecace gca malunga nokusetyenziswa kwemodeli ye-PPM, njengoko yayichaziwe ngethuba lemiboniso yasesidlangalaleni yeCandelo eliyiNtloko: ULawulo lweCandelo lezoLawulo lwaBasebenzi, ninikwa le ngcaciso ilandelayo:
1.1 Ulwabiwo lwezithuba olusebenzayo ngoku ezikolweni lusekelwe kwinani labafundi elibhalisiweyo ngo-1999 kwisikolo ngasinye. Imeko yezimali yeSebe i-WCED ayivumi. Nakuba kunjalo imiyalelo esebenzayo ngoku yeyokuba izithuba zengqesho eziphunyeziweyo zizaliswe ngohlobo lokuba ezona zininzi ibe ngoomabhalana abanini (2), unogada wesiqhelo omnye (1) (caretaker) nabacoci abane (4), ukuze iPPM evunyiweyo ifumane inkxaso yezimali ngokupheleleyo. Ukwenzela lula, lo myalelo ubizwa ngokuba ngumyalelo we-2:1:4.
1.2 Kukho izikolo eziqeshe ngaphezu kwalo myalelo 2:1:4. Izikolo ezichaphazelekayo zaye zavuma ukufaka abaqeshwa abangaphezu kwemfuneko kwizithuba ezingenabantu ezizabelwe ngokusemthethweni. Izikolo ezithile ziye zanenani elipheleleyo labaqeshwa ukususela ku-1999, neliye lahlala liphelele kwiminyaka ngeminyaka.
1.3 Ukususela ku-1999 kuye kwakho ukwanda okanye ukuncipha kwenani labafundi kwizikolo ezithile ngenxa yezizathu ezithile, nangona kungakhange kubekho lutshintsho lukhulu kumanani abafundi xa ephelele kwisistim. Apho kuye kwakho khona ukuhla kwenani labafundi ababhalisiweyo, imeko eqhubekayo ngoku ngokumalunga nolwabiwo lwezithuba iya kuhlala injalo de kufike ixesha lokuba iPPM kunye/okanye nenani lezithuba elabelwe isikolo lihlaziywe. Makuqatshelwe ukuba ukutshitshiswa kwezithuba zengqesho kuya kukhokelela kubaqeshwa abangaphezulu, kwaye oko kuya kutyhafisa umoya kubasebenzi.
1.4 Apho kuye kwanda inani elibhalisiweyo labafundi kangangokuba isikolo siwele kwihlelo lePPM elilandelayo, ezinye izithuba siya kuzabelwa kuphela xa ukwanda kungaphezu kwe-30% yelona qondo lisezantsi lomlinganiselo ophezulu olandelayo (next higher interval) wePPM, umz:

Kwisikolo esinenani labafundi ababhalisiweyo abangama-420, ezi zithuba zengqesho ziya kwabelwa izikolo ngokwelo qondo lomlinganiselo (interval) 401 ukuya ku-700:

1 X umabhalana
1 x unogada (care taker)
1 x umncedisi oqhelekileyo (umcoci)

Ukuba inani lobhaliso lesikolo esilolo hlobo linyuke laya kutsho ku-801 kwaye eli nani lihlala linjalo iminyaka emibini elandelalanayo, oko kuthetha ukuba isikolo sibenokukhula kwamanai okungaqhelekenga, njengoko ukwanda kube ngaphezu kwama-30% ukuya kwiqondo lomlinganiselo ophezulu olandelayo (next higher interval) wePPM, (701 ukuya ku- 1000). Ukwanda kwama-30% kubalwa ngolu hlobo lulandelayo:

  • Umahluko phakathi kwelona qondo likhulu (maximum) nelona lincinane (maximum) iqondo lomlinganiselo (interval) ophezulu : 1000 - 701 = 299

  • 30% ka 299 = 90 (iqingqwe)
  • 701 + 90 = 791 (amanani ahlala enjalo kwisithuba seminyaka emi-2)

Kusetyenziswa le fomula inye ngokungatshintshiyo ngokumalunga nawo onke amanye amaqondo omlinganiselo (intervals).

2. Kufuneka igxininiswe into yokuba, nakuba kunjalo ngokomhlathi 1.4, ukudalwa kwezithuba zengqesho kuzisa iindleko ezongezelelweyo zezimali. Kungangabikho zimali zenkxaso zifumanekayo ngethuba elithile ukuba zichithelwe ekwandisweni kwenani lezithuba zengqesho kwaye isicelo siya kuhlala simi de kufumaneka inkxaso-mali. Ukuba imeko inokuba njalo, amaziko achaphazelekayo aya kwaziswa ngale meko.


ISAYINWE: NGU-GJ ELLIOTT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:12:21

Amaqondo emivuzo ezithuba zengqesho zabasebenzi  (ubukhulu: 11 KB)