1. KwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lwaBasebenzi 14/2005 yowe-8 Septemba 2005 (Personnel Management Minute 14/2005 of September 2005) iSebe leMfundo leNtshona Koloni lacela ukuba onke amaxwebhu makazaliswe ngokwe-SPMDS kwaba baqeshwa bakhankanywe ngentla, oko kukuthi iSihlomelo A ukuya ku-E kunye nezizathu ezivokothekayo ezifanelekileyo, apho kuyimfuneko, nokuba angeniswe ungekadluli owe-21 Septemba 2005.
2. Ukuza kuthi ga ngoku, yi-35% yamaxwebhu abaqeshwa abachaphazelekayo angekangeniswa, oko kuthetha ukuba ukuthathelwa ingqalelo kwabo banokuwongwa ngenxa yentsebenzo kubaqeshwa benkonzo karhulumente (kwinqanaba 1 ukuya kwele-12) kweli Sebe leMfundo leNtshona Koloni kuyabambezeleka.
3. Umhla wokugqibela omiselweyo wokungeniswa kwala maxwebhu ngoku yi-21 Oktobha 2005. Abaqeshwa abamaxwebhu abo angekafiki ngalo mhla abayi kusiwa so ngokumalunga nokunikwa izibonelelo ezinokufumaneka.
4. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho nokulandela kwakho mbo lo mhla wokugqibela umiselweyo njengoko kungazi kuphinde kwandiswe xesha.
5. Nceda wazise okubhalwe kule setyhula bonke abasebenzi benkonzo karhulumente abaphantsi kolawulo lwakho.


ISAYINWE: NGU JH HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:10:07