1. Le ngcaciso imfutshane ilandela iNgcaciso eMfutshane engoLawulo lwaBasebenzi 0010/2005 ye-12 Agasti 2005 kwaye mayifundwe kunye nayo.
2. Njengoko nisazi, ukuvunywa kochatha kwimivuzo yabasebenzi kuxhomekeke kwimigqaliselo yeNkqubo yoLawulo noPhuhliso lweNtsebenzo yaBasebenzi (Personnel Management and Development System).
3. Nangona bekubhenelwe kangangoko kubaphathi nakwiisuphavayiza kule ngcaciso imfutshane ikhankanywe apha ngentla ukuba bangenise zonke iifom zesiHlomelo E, (Performance Certificates) kwaNdlunkulu ungekadluli owe-31 Agasti 2005, ongumhla wokugqibela, amawaka-waka eefom akakangeniswa nangoku. Oku kungaphumeleli ukungenisa isiHlomelo E kubangela kohlwaywe abaqeshwa abachaphazelekayo njengoko bengayifumani imivuzo yabo yenyanga elilungelo labo. Ukuba kukho izikhalazo ezithe zakho ngenxa yoku, iisuphavayiza ziya kucelwa ukuba zinike inkcazelo.
4. Umhla wokungeniswa kweefom zesiHlomelo E ngoku uhlehliselwe kwi-14 Octoba 2005 khon' ukuze kwenziwe uchatha kwimivuzo ngo-Oktobha 2005. Uchatha kwimivuzo kwabo bangazingenisanga iifom zesiHlomelo E, ngalo mhla, uya kwenzelwa isigqibo emva kokuba kugqitywe yonke inkqubo yovavanyo lwabasebenzi benkonzo karhulumente.
5. Kubhenelwa kuni kwakhona ukuba nikhawuleze nibe nentsebenziswano malunga noku.
6. Nceda wazise abasebenzi benkonzo karhulumente abaphantsi kolawulo lwakho ngokukule ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU-JH HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:09:19