1. Imimiselo yekhefu ekwiSetyhula 231 ka2003 ichaza ukuba umsebenzi weNkonzo kaRhulumente osebenza kwiziko lemfundo unelungelo leentsuku zomsebenzi eziyi-27 zekhefu ngonyaka. Ubuncinane ziintsuku eziyi-22 kwezi ntsuku emazisetyenziswe ngexesha leeholide zesikolo zize iintsuku ezi-5 ezishiyekileyo zibe nokusetyenziswa xa izikolo zivulile.
2. Ziyacelwa iintloko zawo onke amaziko emfundo ukuba zingenise qho iifom zekhefu ngokumalunga nethuba lekhefu lonyaka ngalinye elithathwa ngumsebenzi weNkonzo kaRhulumente, nokuba ngaba lithathwe ngethuba leeholide zesikolo okanye ngethuba elingelilo eleeholide zesikolo, ukwenzela ukuqinisekisa ukuba xa umsebenzi eshiya inkonzo, iSebe leMfundo leNtshona Koloni linazo iirekhodi zemeko yekhefu lakhe, o.k.t. zingaphi iintsuku zekhefu lakhe azisebenzisileyo ngethuba lomjikelo wekhefu oqhubekayo yaye zingaphi iintsuku ezinokuhlawulwa kwakunye nekhefu lakhe eligciniweyo nelihlawulwayo (capped leave) (ukuba likho) njengenxalenye yekhefu elihlawulwayo (leave gratuity).
3. Ziyakhunjuzwa kwakhona iintloko zamaziko emfundo ukuba kuyimfuneko ukugcina iirekhodi ezichanekileyo zekhefu elisetyenzisiweyo nokuba zilawule ikhefu ngempumelelo ukwenzela ukuba xa umntu eshiya inkonzo nangasiphi na isizathu, kujongwe kwiirekhodi zesikolo ukuba zingaphi iintsuku azisebenzisileyo ngethuba lomjikelo wekhefu oqhubekayo kwaye zingaphi na iintsuku asenazo ezingekasetyenziswa.
4. Ziyacelwa kwakhona iintloko zamaziko emfundo ukuba zingenise ingxelo epheleleyo yekhefu elithathiweyo ngethuba lomjikelo wekhefu oqhubekayo kunye namanye amaxwebhu okurhoxa enkonzweni/okuthatha umhlala-phantsi, xa kusenziwa isaziso kwaNdlunkulu sokurhoxa enkonzweni/sokuthatha umhlala-phantsi komsebenzi weNkonzo kaRhulumente, ukwenzela ukuba kubalwe ngokukhawuleza ikhefu elihlawulwayo, kusetyenziswa iirekhodi zeziko nezo zakwaNdlunkulu.
5. Siya kuyivuyela intsebenziswano yenu malunga nalo mba.


ISAYINWE: NGU-G.J. ELLIOTT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:09:12