1. Iziko lewebhu leSebe leMfundo leNtshona Koloni ngoku libonelela iintloko zamaziko emfundo ngeziko ledatha (database) elinedrafti yoluhlu lwezithuba oluzichaza ngokwalo nolufundeka ngokulula noluya kwenza zikwazi ukulungisa iimpazamo ezikwizaziso zopapasho, ukongeza izaziso zopapasho lwezithuba, nokwazi ukutshintsha enye idatha, umzekelo iidilesi zezikolo ezingachanekanga.
2. Olu luhlu luza kufumaneka ukususela kumhla we-15 Februwari 2005 ukuya kowe-23 Februwari 2004 ukwenzela ukuba kwenziwe izilungiso yaye kongezwe ezinye izinto. Nceda ufunde iNgcaciso eMfutshane yeCandelo lezaBasebenzi (ooTitshala) 0008/2004 yomhla wama-31 Disemba 2004.
3. Olu ncedo lungafikeleleka ngolu hlobo lulandelayo:
  • Yiya kwiWCED web site: http://wced.wcape.gov.za

  • Yiya ku-At your service

  • Klikha ku-Administrators

  • Klikha ku-Draft Vacancy List

  • Kuza kuvela isikrini sokulogisha

  • Faka i-user ID (EMIS no.)

  • Faka ipassword (PIN)

  • Klikha ku-execute

  • Vula i-Personnel Management Menu

  • Klikha ku-Draft Vacancy List

4. Siyanikhumbuza ukuba eli ziko lewebhu (website) leWCED lenza inkonzo yokunceda ootitshala abangaqeshwanga abafuna izithuba zomsebenzi kunye nezikolo ezifuna ootitshala abaqeshwa ngemvumelwano (contract). Likwasetyenziswa njengesixhobo sokubeka esweni inkqubo yokuqesha. (Funda iNgcaciso eMfutshane 0001/2004 yomhla we-10 Matshi 2004 ngokumalunga noku.)
5. Ziyabongozwa kwakhona zonke iisuphavayiza, ngokukodwa iinqununu, ukuba zisebenzise eli phepha lewebhu ukwenzela ukuphelisa imibuzo engeyomfuneko eyenziwa ngefoni.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:02:14