1. IMvumelwano 4/2003 yoThetha-thethwano neBhunga leMfundo lezoBudlelwane emSebenzini (Education Labour Relations Council) (ELRC) ibonelela ukuba ootitshala abakumaziko emfundo nabasezi-ofisini bafanele ukufumana uchatha kwimivuzo yabo (salary progression) ngokuthi banyuselwe inotshi nge-1% qho ngonyaka.
2. Ukususela nge-1 Julayi 2005 iSebe leMfundo leNtshona Koloni sele limhlawule uchatha oyi-1% yeenotshi zabo titshala abakumaziko emfundo nabasezi-ofisini bafanelekileyo ezathi izikolo/neofisi zangenisa amanqaku abo okwandlalela (baseline scores).
3. Kwiimeko zootitshala abasezi-ofisini nabakumaziko emfundo abangekamfumani uchatha wabo oku kuza kusingathwa ngokwemeko yotitshala ngamnye yaye, lakuba nje eli Sebe leMfundo lifumene amanqaku abo okwandlalela (baseline scores), uya kuhlawulwa uchatha oyi-1% yeenotshi kwabo bafanelekileyo.
4. Kucelwa uqaphele ukuba uchatha kwimivuzo ngo-Julayi 2006 uya kusekelwa kuvavanyo oluya kuthathela ingqalelo zonke iimvavanyo ezenziweyo (summative evaluations) kumjikelo ka-2005.
5. Nceda wazise okukule ngcaciso emfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:12:19