1. Kucelwa ufunde le Ngcaciso eMfutshane DPE/0006/2004 yowe-18 Meyi 2004 ekwachazwa kuyo umgaqo-nkqubo namanyathelo aphathelele kwiNkqubo yokuQatshelwa kweNkonzo eNde kaRhulumente (System of Recognition of Long Service of the State). Usasebenza lo mgaqo-nkqubo namanyathelo akhankanywe ngentla apha.
2. Zonke iintloko zamaziko kunye/okanye iisuphavayiza ziyacelwa ukuba zingenise kwiSebe i- WCED isiHlomelo A esiyintsusa (original) nesizaliswe ngokupheleleyo ungadlulanga owe-15 Oktoba 2005. Ukuba zithi iirekhodi zesebe (zePesali) zibonise ukuba umqeshwa wenze inkonzo yeminyaka eyi-20 okanye eyi-30, engazange iqhawuke, aze loo mqeshwa angaphumeleli ukungenisa isiHlomelo A esifunekayo ngolu suku luxeliweyo ngentla apha, kuya kuthathwa ngokuba akanamdla wokuba ikhefu lakhe liguqulwe. Kucelwa uqaphele ukuba akuyi kwamkelwa zifeksi okanye zikopi. Kuphela zezi fom ziqhotyoshelweyo, ezizaliswe nge-inki ngesandla salowo ufaka isicelo, eziya kuqwalaselwa. Kucelwa uqinisekise ukuba akuzisebenzisi iinguqulelo zangaphambili (previous versions) zesiHlomelo A, njengoko zingahambelani neSigqibo 6/2003 (Resolution 6/2003).
3. Siya kukuthakazelela kakhulu ukukhawuleza kwakho ukukuqwalasela oku njengentloko yeziko okanye isuphavayiza. Izicelo ezifike emva kwexesha elibekiweyo ngelishwa ziya kuqwalaselwa kuphela ngo-2006.


ISAYINWE: NGU-JH HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:09:22

isiHlomelo A  (ubukhulu: 15 KB)