1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (i-WCED) ngokwenjenje lingqina ukuba uLuhlu lweZithuba lwalo uNo. 2/2005, ekupapashwe kulo izithuba zootitshala kumaziko emfundo, luyafumaneka ukususela ngoLwesihlanu, 5 Agasti 2005 kwiziko lewebhu lalo kule dilesi: http://wced.wcape.gov.za (klikha kwisalathiso (index) esingu-A – Z uze uklikhe kwakhona ku- Vacancy List).
2. Ngelishwa, umhla owawukhutshwe kwisaziso sokuqala sange-29 Julayi 2005 solu Luhlu lweZithuba No. 2/2005, njengoko kwakubonisiwe kwiNgcaciso eMfutshane 0010/2005, zange ugcinwe ngumntu wonke njengoko izikolo ezininzi zingazange zizizalise izaziso zezithuba zazo kwiziko lewebhu ngomhla ezazilindeleke ngawo we-25 Julayi 2005. Ngoko ke, kwiinzame zalo zokunika amaziko elinye ithuba elingaphezulu lokubhengeza izithuba zawo, eli Sebe leMfundo lenze isigqibo sokuba likuhlehlise ukukhutshwa koLuhlu lweZithuba 2/2005 ngeveki enye yangumhla we-5 Agasti 2005. Nakuba kunjalo qaphela ukuba imihla ekulindeleke ngayo ukungeniswa kwezicelo, ngaphandle kwezicelo ezingokumalunga noluhlu luphela, kunye nokungeniswa kwamagama atyunjiweyo (nominations) ihlala injalo, ayitshintshwanga.
3. Ukuhlehliswa komhla wopapasho loluhlu lwezithuba ngeveki enye kubangele uxinzelelo olukhulu kwicandelo elisingatha umsebenzi woluhlu lwezithuba. Ziyabongozwa izikolo ukuba zincede kwixa elizayo zithobele ngokupheleleyo izicelo ezilolu hlobo ngokulandela ngqo imihla ebekiweyo ukwenzela ukuba kube nokusetyenza ngokwezicwangciso ezibekiweyo.
4. Nceda wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abakwiziko lakho lemfundo, kwi-ofisi okuyo okanye kwicandelo okulo. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba ikopi yale ngcaciso imfutshane inikwa usihlalo webhunga lolawulo lesikolo ukuze ibhunga elo lazi ngayo lize liyithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-C.J. FOURIE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:08:18