1. ICandelo loMlawuli oyiNtloko: lezoLawulo lwaBasebenzi leSebe leMfundo leNtshona Koloni lazisa iinqununu ngethuba leeseshoni zokunika ingcaciso kwikota yesibini ka-2005 ukuba kukho iinzame ezenziwayo zokwenza uluhlu lwezithuba oluyidrafti lube nokufumaneka kwiinqununu ngeziko lewebhu – injongo kukwenza lula ukulungiswa koluhlu lwezithuba nokuqinisekisa ukuba zonke izithuba ziyapapashwa.
2. Iinqununu namabhunga olawulo ezikolweni ziya kuvuyiswa kukuva ukuba olu luhlu lwezithuba luyidrafti lufakiwe kwiphepha lewebhu yaye kufuneka ngoku iinqununu zifake iinkcukacha kwizaziso zezithuba ezipapashwayo ecaleni kwamagama ezikolo zazo.
3. Izithuba ezivela kuluhlu lwezithuba oluyidrafti (draft vacancy list) zonke zizithuba ezingenabantu eziboniswe kwizithuba ezabelwe izikolo ngezikolo ngokusemthethweni (schools’ establishments) kwinkqubo yePesali. Ngako oko ke azifakwanga izithuba esezipapashiwe nesele iqalile inkqubo yokuzizalisa.
4. Kwimeko apho sele zipapashiwe izithuba yaye sele iqalile inkqubo yokuzizalisa, iinqununu mazingazicimi ezo zaziso zezithuba okanye zizishiye zingazaliswanga zonke iinkcukacha. Endaweni yoko mazizalise inombolo yoluhlu lwesithuba lwangaphambili nenombolo yesithuba esipapashiweyo kwiibloko ezifanelekileyo. zi zithuba ke ngoko aziyi kupapashwa kuLuhlu lweZithuba olutsha u-No. 2 ka-2005.
5. Zonke ezinye izaziso zezithuba ezipapashiweyo mazizaliswe ngokufanelekileyo yinqununu, ekufuneka iqinisekisile ukuba zonke iinkcukacha zokuchaza isithuba ezimiselweyo (inkcazo yesithuba, imisebenzi enxulumene naso nezizathu zokusixhasa) ziyavela kwiikholam ezibonelelweyo. Ezi zithuba zipapashiweyo ziya kuvela kuLuhlu lweZithuba olutsha u-No. 2 ka-2005.
6. Zingongezwa izaziso zezithuba eziya kuvuleka kamva kunyaka ka-2005, ngenxa yabo bathatha imihlala-phantsi, bayekayo emsebenzini, njl. njl. Oku kusebenza kuphela kwizithuba eziya kuvuleka phambi komhla wama-31 Disemba 2005.
7. Ukwazi ukufikelela kumalungiselelo eziko ledatha (kwiphepha lewebhu) kungafumaneka ngokungena kwiziko lewebhu leSebe i-WCED ngale ndlela ilandelayo..
  • Yiya kwiziko lewebhu ye-WCED apha: http://wced.wcape.gov.za

  • Yiya ku-At your service

  • Klikha u-Administrators

  • Klikha u-Draft Vacancy List

  • Kuvela iskrini sokungena

  • Tayipha igama lomsebenzisi (EMIS number)

  • Tayipha ipasiwedi (PIN)

  • Klikha u-Login

  • Kuya kuvela oku Personnel Management Menu

  • Klikha u-Draft Vacancy List

Oku kuza kuvula iskrini sokubrawuza esitsha (new browser screen) apho uya kuba nokubona izithuba ezipapashiweyo zeziko lakho uze uzifakele izilungiso.

8. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lavakalisa ukuzimisela kwalo kwiNgcaciso eMfutshane DPE/0008/2004 ukukhupha uLuhlu lweZithuba No. 2 luka-2005 ungadlulanga umhla we-29 Julayi 2005. Eli Sebe leMfundo linqwenela ukulibamba ilizwi lalo ngandlela zonke. Ngenxa yesi sizathu, sibongoza iinqununu nabaphathi beesekethe, nakuba lilifutshane ixesha lokwaziswa kwabo, ukuba bazalise izazizo zezithuba kuluhlu lwezithuba oluyidrafti ungekadluli umhla we-25 Julayi 2005 ukwenzela ukuba uluhlu lwezithuba lube nokukhushwa ngomhla we-29 Julayi 2005. Siya kuthi ke ngoko sibe nokugqiba ukuzenza iinkqubo ezicaciswe kwisicwangciso samaxesha esanikwa kwiNgcaciso eMfutshane No. DPE/0008/2004 yomhla we-13 Disemba 2004.
9. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liyayiqonda into yokuba kuya kufuneka kwenziwe iinzame zokuzikhathaza kakhulu ngomsebenzi ngabo bonke abachaphazelekayo ukuze ibe yimpumelelo le nkqubo ibaluleke kangaka. Ngako oko ke siya kukuthakazelela kakhulu ukuwuthathela ingqalelo kwakho ngokukhawuleza nangenyameko enkulu lo mbandela.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:07:18