IAfrika iza kubhiyozela uSuku lweAfrika (Africa Day) ngomhla wama-25 Meyi 2005, ukuqaphela usuku lokusekwa koMbutho woManyano lweAfrika (Organisation of African Unity) (OAU) kwiminyaka engama-42 eyadlulayo, ngomhla wama-25 Meyi 1963.

Iinkokeli zelizwekazi laseAfrika zagqiba ekubeni ziqalise umbutho i-OAU ukusombulula imiba eyayibalulekile ngelo xesha, ebandakanya ukupheliswa kobukoloniyali (decolonisation), inkululeko, ukulingana, ubulungisa nenkqubela-phambili.

Abameli boorhulumente abangama-32 basayina uMqulu wamaLungelo wokuqala we-OAU (OAU Charter). Ekuhambeni kweminyaka kwajoyina namanye amazwe angama-21, waza uMzantsi Afrika walilungu lama-53 nawo ngo-1994.

Ngo-2005, iAfrika yoyise iingxaki ezininzi yaye sele iqalisile ukwakha iAfrika yethu sonke thina ma-Afrika. Lo gama eli zwekazi libe nako ukuhlangabezana nemingeni yethuba langaphambili, kuvele imingeni emitsha nekufuneka kuhlangatyezwane nayo ukuqinisekisa ukuba iNkulungwane yama-21 iba yiNkulungwane yeAfrika.

Oorhulumente baseAfrika, ngokusebenzisana kunye, baye baphendula kule mingeni ngeendlela ezahlukeneyo, ezibandakanya ukusekwa kweManyano yeAfrika (African Union) ngo-1999, ukusekwa kweNEPAD nezinye iziganeko ezenzeke kweli zwekazi.

URhulumente wePhondo leNtshona Koloni usasaza ezikolweni iitshati ezizodwa zokuxhonywa eludongeni njengenxalenye yemibhiyozo yethu yoSuku lweAfrika. Sicela izikolo ukuba ziqaphele olu suku ngendlela efanelekileyo ngokuthi zikhe zizikise ukucinga ngezinto esinokuzenza ngobumbano ukwenzela ukuba iNkulungwane ye-21 ibe yinkulungwane yeAfrika nokukhuthaza ubunye beAfrika.



ISAYINWE: NGU-N.S. MITI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:05:24