1. ISebe leMfundo, lisebenzisana kunye neSebe leMicimbi yaseKhaya (Home Affairs), iKhomishini yoNyulo eZimeleyo (Independent Electoral Commission (IEC)), iSebe loRhulumente baseKhaya noLwakhiwo lweZindlu (Local Government and Housing), iSebe leeNkonzo zezeNtlalontle (Social Services) nooMasipala, liqalise iphulo lokulungiselela abafundi ababudala buli 16 nangaphezulu ukuba bafumane isazisi esiluhlaza esinebhakhowudi.
2. Oku kuye kwalingwa ngempumelelo enkulu kwizikolo ezithile ngo-2004 yaye kuza kunatyiselwa kuzo zonke izikolo zeli phondo ngo-2005. Ukubaluleka kokuba nesazisi akunakugxininiswa ngaphezu koku. Isazisi luxwebhu olukwenza ufumane izinto nesiqinisekiso sobumi esiya kunceda kwakhona abafundi babe nokubhalisa njengabavoti.
3. Abo baza kuzuza ekuxhaseni eli phulo bazimisele ukubonelela ngamancedo nangemali, zinto ezo ezingabangela ukuba izazisi zifumaneke ngezona ndleko zincinane okanye zifumaneke mahala. Ngako oko ke mabakhuthazwe abafundi ukuba balisebenzise ngokupheleleyo eli thuba lifika kanye qwaba ebomini.
4. Iofisi elapha ye-IEC iyalelwe ukuba iqhagamshelane neenqununu ukwenzela ukuba ifumane ingcaciso efunekayo malunga namalungiselelo okuqhutywa kweli phulo ezikolweni zazo. Kuza kuqhagamshelwana nezikolo ngekota yokuqala ka-2005.
5. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yeenqununu, kwakunye neyootitshala abathatha inxaxheba kulo msebenzi ubaluleke kangakanana. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-NDO MITI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:02:15