1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liqaphele ukuba amagosa alityelelayo akalandeli ngqo imiyalelo yokupaka izithuthi njengoko ichazwe kwiSetyhula 0005/2002 yowe-12 Februwari 2002.
2. Eli Sebe leMfundo lirenta iindawo ezili-12 zokupaka izithuthi ukulungiselela abatyeleli. Ukwenzela ukuqinisekisa ukuba abatyeleli basoloko besebenzisa ezi ndawo zokupaka izithuthi, xa zifumaneka, kunye nokuthintela iindleko ezingeyomfuneko, kuza kusebenza la manyathelo alandelayo.
2.1 Izicelo zokupaka izithuthi mazingeniswe kulo Mnu H.J. Fisher ngaphambi kotyelelo oluza kwenziwa. Lowo utyelelayo okanye elo gosa malizalise zonke iinkcukacha ngokufanelekileyo kule fom iqhotyoshelweyo ize ithunyelwe ngefeksi apha (021) 467 2996 okanye iziswe ngesandla kule ofisi Room 608. (Ukugcinelwa indawo okwenziwa ngefoni kuya kuvunywa kuphela kwiimeko ezingxamisekileyo.)
2.2 Abenzi-sicelo baya kwaziswa ngefoni ukuba ngaba izicelo zabo zivunyiwe na yaye, ukuba kunjalo banikwe nenombolo yendawo yokupaka isithuthi.
2.3 Kwigaraji yokupaka izithuthi umtyeleli makathathe itikiti lemvume yokupaka aye nalo kwindawo yokupaka isithuthi echaphazelekayo.
2.4 Ngethuba lolu tyelelo igosa elo okanye mntu wumbi owenza egameni lalo, maliye kuthatha idiskhi eligunyazisayo (authorisation disc) kule ofisi Room 608.
2.5 Xa sele lihamba, elo gosa lityeleleyo malisebenzise icala lokuphuma elingasekunene lize lidlulise itikiti lemvume yokupaka nediskhi eligunyazisayo kumsebenzi ogade isango lokungena kwigaraji yokupaka.
3. Abatyeleli abangalandeli le nkqubo ilapha ngasentla mabangasebenzisi iindawo zokupaka izithuthi ezibekelwe amagosa karhulumente atyeleleyo yaye kuya kufuneka behlawule iintlawulo zokupaka izithuthi zesiqhelo.
4. Amagosa enza amalungiselelo eemvumelwano zokuziswa kwempahla okanye zokufakwa kwee-odolo zempahla makayicacise gca into yokuba iindleko zokupaka izithuthi ziya kuba lityala lekontraki, lenkampani okanye lomthengisi-zimpahla ezo.
5. Siya kuyithakazelela intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-W.L. CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:04:01

Application for visitors parking permit for Grand Central Towers  (ubukhulu: 7 KB)