1. Abapapashi beencwadi zezifundo (textbooks) bafuna ukunika izikolo izihloko zeencwadi (book titles) ngokukhawuleza emva kokuba kwenziwe ii-odolo. Kodwa ke njengangoku bafumana iingxaki ngokumalunga nokwenza amalungiselelo okushicilela kunye nokufumana izihloko zeencwadi, bacelile ke ngoko ukuba banikwe amanani ewonke ezihloko ezahlukeneyo eziya kwamkelwa zizikolo.
2. Ngenxa yesi sizathu silapha ngasentla singayivuyela into yokuba izikolo zinokuzalisa ezi zihlomelo ziqhotyoshelweyo zize zizingenise kunye nezi fom WCED 032 phambi kowama-25 Apreli 2005 kule dilesi ye-imeyili wced-032@pgwc.gov.za. Izikolo ezingena i-imeyili zingazithumela izihlomelo eziqhotyoshelweyo zizalisiwe kunye nezi fom WCED 032 kulo
Head: Education
Attention Mr C Prins, Room 6-08
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town
8000
3. Nakuba izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 zizithengela ngokwazo ii-LTSM yaye iSebe leMfundo leNtshona Koloni lingathathi-nxaxheba ngqo ekuthengweni kweencwadi, iya kuvuyelwa into yokuba nazo zingazizalisa ezi fom zize zizingenise ukwenzela ukuba abapapashi beencwadi bazazi iimfuno zazo nazo.
4. Ngako oko ke ziyacelwa zonke iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba izihlomelo zeencwadi zezifundo (textbooks) neencwadi zokufunda (readers), nezinto zokubhala (stationery) zabafundi nootitshala ziyazaliswa nazo zize zingeniswe. Izinto zokubhala ekuthethwa ngazo apha azibandakanyi izinto zokucoca, iimpahla zokunxiba ngaphezulu ukuzikhusela (protective outer clothing) zabasebenzi, izinto zezifundo (subject material), njl. njl. njengoko kucacisiwe phantsi kwesihloko sezinto ezithengwa kwiivenkile zaloo ndawo sikuyo isikolo kumhlathi 6 weSihlomelo A  kwiSetyhula 0062/2004 yowe-15 Novemba 2004.


ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:02:28

Annexure to WCED-032  (ubukhulu: 63 KB)  (also available as an MS Word document - ubukhulu: 68 KB)
isiHlomelo A kwiSetyhula 0062/2004  (size: 20 KB)