1. USomlomo oBambeleyo wasePalamente noSihlalo weBhunga laMaphondo bacele uMphathiswa wezeMfundo ukuba athathele ingqalelo yaye ancedise ekukhuthazeni zonke izikolo ukuba zinike bonke abafundi ithuba lokujonga kunye/okanye lokuphula-phula intetho kaMongameli yokuVula iPalamente (State of the Nation Address).
2. IQumrhu lezoSasazo loMzantsi Afrika (South African Broadcasting Corporation) liza kuyibonisa kumabonakude/kuyisasaza ngqo iNtetho kaMongameli, neya kuthatha imizuzu engama-45, ngoLwesihlanu we-11 Februwari 2005 phakathi kuka-11:00 no-12:00 emini.
3. Ngako oko ke uMphathiswa wezeMfundo ucele ukuba iinqununu zivumele bonke ootitshala nabafundi ukuba babukele kunye/okanye baphula-phule intetho leyo. Nakuba kunjalo, ootitshala mabakusebenzisele oku ukufundisa ngokuthi banike abafundi ii-asayimenti ngokuqinisekileyo ezilungiselelwe nezithathelwe kwiNtetho kaMongameli.
4. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yakho ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-J.H. LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:02:08