1. Nceda uqaphele ukuba umhla wokungeniswa kweerikhwizishini zempahla okanye zeenkonzo eziza kufunyanwa ngenkqubo yeziniki-maxabiso (tender) ngumhla we-18 Novemba 2005. Lo mhla ngumhla wokugqibela omiselweyo enyakeni, njengoko ukuthengwa kweempahla okanye kweenkonzo ngokuthelekiswa kwamaxabiso (bid process) iyinkqubo ende, nangenxa yokuba abaniki-maxabiso bangahle bavale phakathi kwe-15 Disemba ne-15 kaJanuwari. Ukuba iimpahla okanye iinkonzo ziza kwenziwa zize zihlawulelwe kwangaphambi kokuphela konyaka-mali ka-2005/06, irikhwizishini yakho mayifike kweli Candelo phambi komhla we-18 Novemba 2005.
2. Ukuba ungenisa irikhwizishini emva kwalo mhla, kufuneka utsho ukuba uyazi ukuba iimpahla okanye iinkonzo ezo ziya kuhlawulelwa kunyaka-mali ka-2006/07.
3. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho ngokumalunga nalo mba.


ISAYINWE: NGU-WL CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:11:07